Ukufa kusembizeni Khongolose!

Kungentseni yangoMgqibelo umhla wesibhozo kule nyanga kaTshazimpuzi, ndihleli phantsi komthi kwilali yaseShinirha, umzi ngowesilumko sengqondi yexhego leBomvane ubawo uLalisile Jola.

Imini intle icwengile, akukho nalifu ligqumileyo, izulu lise nasebukhweni bezinja. Intombi yelo khaya lamaMpondomise omthonyama ifika izise imixobo yeemagi zekofu eshushu kum nenkonde le ndidla nayo imbadu.

Ngoko nangoko sithathile, sagalela amacetshana ambalwa eswekile, sabulela apho entombini. Ithe xa iphethuka iphindela enqugwaleni elingqamene ngqo nexhanti lomzi lowo, ubawo uLalisile wabuza: “Ntombam, bathini oonozakuzaku beendaba kunomathotholo, zikho ezintsha malunga nale ntsinda-badala yohlengahlengiso olwenziwe nguMongameli uGedleyihlekisa?”

Iguqukile intombi kuba kaloku ibingenakuze iphendule uyise imfulathele, yaphendula ngelithi, “isezeziya zindala zikaqulukubhode nokrutha-kruthwano olubangwe kukungakholwa koluntu zizigqibo zikaMongameli.”

Ixhego lakwaJola libuzile, “Tshangisa; Mngwevu; Mhlatyana; Rhudulu, yhini na le? Ngubani na owayesazi ukuba umbutho wethu uKhongolose ungazibona ukwenje ukuba mbi imeko? Ixhala lam Sikhomo lelokuba ukuba kunokwenzeka uKhongolose aphume kulawulo lweli lizwe, ukuba izigqibo nezenzo zeenkokheli zikaKhongolose zingawubhangisa lo mbutho, kwakuba kuphelile ngathi.”

Ngalo lonke eli xesha ndithe cwaka, kunzima nokuthimla kuba imibuzo kabawo uLalisile iphuphuma ubulumko, ithwele inkxalabo kumnt`omkhulu kwaye ihlaba ngaphakathi emxhelweni. Ndizamile ukuhlomla kobu buciko beli xhego ngelithi, “bawo ingathi kum eyona ngxaki iza kuba mbi yeyokuphixana kwangaphakathi embuthweni lo. Ingathi kum ukufa kusembizeni!”

Bambi kuKhongolose, bekhatshwa ngamalungu emibutho echasayo efana neDA; EFF; COPE; UDM neminye eliqela, balikhupha litsole elingagungqiyo lisithi “Phantsi ngoZuma phantsi! Makehle uZuma makehle!”

Kwelinye icala, kwalapha kuKhongolose, kukho abazijule ijacu besithi, ‘uMongameli Zuma akayi ndawo!’ Batsho bezimisele ukulwa kutake iintlantsi kunokuba kwehliswe esihlalweni umongameli wabo abamthanda ngeentliziyo zabo zonke.

Batsho bengqisha phantsi bekhalimela ezinye zeenkokheli zabo ezilibona lifikile ixesha lokuba umongameli ehle, ngenxa yokugqwidiza kwakhe kwiinkalo ezithile zolawulo, kuquka ukuthatha izigqibo ngogonyamelo nasekungawusini so kwakhe umgaqo-siseko owasekwa ngabemi beli lizwe!

Kuba lula mawethu xa umbutho usilwa kwaye uzikhusela kumalungu emibutho echasayo, kodwa kuthi kwakuphixana abandlw`enye, kubethe uvalo, kulahleke amathemba, kulandele iyantlukwano, kuzaleke impalalo-gazi, kutsho kuphele kuthi vuthu!

Ingxaki inye, ukufa kusembizeni kwaye kuya kuthi ukuze kulunge kubhikicwe le mbiza, kuchithelwe ngaphandle ukufa okujolise ekubulaleni umbutho wookhokho bethu, umbutho wamanyange, umbutho woobawomkhulu!

Iinkokheli zemveli, iinkokheli zomgquba noovulindlela bakaKhongolose bayalile ngeyantlukwano, ubuzwilakhe norhwaphilizo njengezinto ezinokuwubulala ubhange umbutho.

Xa kunje, kuyacaca ukuba iziyalo zabo zabethwa ngoyaba! Kungoko ndisithi, ukufa kusembizeni. Siyawakhumbula kusini na amazwi kabawo uMadiba mhla wayala esithi, “ukuba iANC inokuze iniphathe ngokohlobo enaniphetheke ngalo ngexesha lengcinezelo, kuya kufuneka nenze ngokohlobo enanenze ngalo kwingcinezelo xa naniyibhangisa.”

Singabagxeka njani ke ngoku abemi boMzantsi Afrika, kuquka nabo bangamalungu anyanisekileyo kaKhongolose xa beyilwa into engamkelekanga eyenziwa ngumbutho wabo? Singawalibala njani na amazwi kabawo uChris Hani, uTshonyane omhle, mhla wayeyala ngomhla wama-29 kweyeDwarha ngo-1992 esithi, “olona loyiko lwam lolokuba amatsha-ntliziyo enkululeko afune ukuba zizinhanha eziphezulu eziqhuba iimoto ezinamagama amakhulu, asebenzise oovimba belizwe ukuze ahlale kumapomakazi ezindlu ngeli lixa uninzi lwabantu luthwaxwa yintlupheko.”

Makhe sizigoca-goce mawethu, siqwalasele okwenzekayo kwezi mini.

Xa sijonga indlela eziphila ngayo ezinye iinkokheli zethu ezisepalamente, koomasipala nakwizindlu zowiso-mthetho kumaphondo, ingaba uTshonyane wayephazama okanye iziyalo zakhe zazinyanisekile? Mna andazi, kukuni nokunyaniseka kwenu zidwesha zakuthi.

Ukuba amazwi enkonde uLalisile, nkonde leyo ingawaziyo kwaye ingawulangazeleliyo omnye umbutho ngaphandle kwe-ANC, amazwi esivumelene ngawo okuba ukufa kusembizeni, kuya kuthi ukuze kulunge, ukuze umbutho uzinze, ukuze ingaziki le nqanawa yethemba kumzi ontsundu weli lizwe, kufunyanwe iyeza, umhlonyane negwada kunyangwe kuphele kuthi tu ukufa.

Iyeza elinyanga ngokwenene ke alizange linambitheke, kodwa linganambitheki linjalo, kumele liselwe kunjalo nje lisetyenziswe kungalahlwanga themba!

Iyeza elinjalo livelile mhla mnene kubawo uRobert Sobukhwe lisithi, “UMzantsi Afrika uyinxalenye yezwekazi le-Afrika, ngenxa yoku, naziphi na iingxaki oza kujongana nazo, kumele ujongane nazo uncediswa lizwekazi ngokubanzi, ungabi nguzimele-geqe!” Kule ntsinda-badala sijongene nayo, ndiqinisekile izimvo neengcebiso zeziphatha-mandla zeSADC kwanezo ze-African Union zingaluncedo. Kungani ukuba kuthuleke kuthi cwaka kwizigqeba zeSADC ne-AU kuphixwana eMzantsi Afrika?

Ingaba kuza kulindwa kude kuliwe, kube ziintsalu kwi-ANC kungakhange kuvakale lizwi elisuka kubo? Asifundanga kusini na kwimeko eyehlele amazwe esimelene nawo azibona ethwaxwa yindlala nokuwa kwexabiso lemali noqoqosho?

Xa kunje ndikhumbula amazwi akho nkokheli yeenkokheli kwi-Afrika iphela! Nditsho wena bawo uJulius Nyerere mhla wayala usithi, “kumele singachith`ixesha, masimanyaneni ngoku, ngapha koko, siya kutshabalala!”