Ukugqunywa ngonomtidili kwamadoda

Isoloko ixabanisa ke into yokuthi indoda itsalwa ngempumlo okanye idliswe ihabiya okanye yogqunywe ngonomtidili ngumkayo.

Akukho ndoda ifunayo ukuvuma ukuba kunjalo kuyo, ukuba ikhona ke phofu into enjalo. Zininzi izinto ekuthiwa zikhona kodwa zibe zingangqineki ndawo. Indoda ithi ngokuthanda umkayo suka amanye amadoda ayityhole ngokuba idlisiwe.

Nam ngokwam andizazi ndindawoni na kule nto, ikwanguMamTolo ngokwakhe onokuyazi.

Ndingumntu onkolo iyeyakhe, kwaye inkolo yam ayisoloko ingqamana neenkolelo zabanye. Neqela endinqula kunye nalo, amathuba amaninzi ndisoloko ndiziqonda ngolwam uhlobo izinto, hayi ngokwefuthe lwabo ndikunye nabo elunqulweni.

Isizathu endiqamele ngaso kukuba unqulo lingumoya, ngako oko akakho unokuyithatha ayibeke phambi kwabantu athi inje, ukuze abantu balandele loo nto ke ngaphandle kwamathandabuzo. Mna ndikholwa ndodwa, hayi namntu!

Inkolelo yokugqunywa kwamadoda ngonomtidili yenye yezinto endingazikholelwayo. Ndingakholelwa ndinjalo ke, ndinazo izinto ezindikrokrisayo kwindlela abasiphatha ngayo abafazi emakhaya.

Mna ndimana ndisithi kule mazi yakuthi, “ukuba ibisendim ngekukudala ndakubophela umthwalo uwanikel’ umva la masango omzi kabawo!” Andazi sele ndiyithethe kangaphi na ke loo nto xa endikhubekisile, kodwa usekhona nanamhla oku, andazi ukuba ndakumbophisa nini na ke loo mthwalo. Ndoke ndikuve zwindini!

Ndim intloko yomzi kaNjinela kaWarhosi kaTshongolo. Isandla sam yimazi le yakuthi. Kodwa zingangoboya benja izinto ezenzeka kula mzi kabawo zingakhange zidlule kum. Ndiyakwazi ukuthi bendishiye izindlu ziqatywe mhlophe suka ndibuye sele ziqatywe luhlaza, kubonakale ukuba bendinolahleka ndingayufika ekhaya ngezinye iimini.

Kwekhu, ndatsho ndacinga umfo kabawokazi owayenento yokungabuyi xa enohambo, sithi sakumthethisa athi uye walalelwa yinkungu akakubona ekhaya waza walalisa mzini uthile ke esapha. Inkungu yinto yethu ke kweliya lamaMpondomise. Uyafihla mhlaba!

Apha emisebenzini kunamagqiyazana andwebe ngathi atya amagqabi, ofika esintlokothisa kwizinto esingangeni ndawo kuzo thina madoda.

Apha kunesiko elenzelwa ibhinqa elimithiyo ngamanye amabhinqa, ekuthiwa kukuhlanjwa komntwana (baby shower). Kweli siko amabhinqa aye aququzelela umsitho wezipho kulowo umithiyo, ze emva kwezipho onwabele isidlo. Kukho nelinye isiko lamabhinqa endilibone kulo unyaka elikwafana neli, ekuthiwa kukuhlanjwa komtshakazi, elenziwa xa kukho ibhinqa eliza kwenda. Iinto zale mihla! Bahlanjwa njani umtshakazi nomntwana bengekabikho?

Ithuba eli ke thina madoda besingeyonxalenye yale misitho apha emisebenzini. Kodwa ngoku ndibona nathi sifakwa; ufike sithunyelelwa izimemo noluhlu lwezipho. Mhla ndasifumana esokuqala ndacinga ukuba inokuba silahlekile, yathi eyesibini ingqondo mhlawumbi inokuba ndikhangeleka njengendoda enqwenela ukuba yayidalwe yalibhinqa. Hayi; intoni na! Wathi umntu obesithumele “usemva gqithi Nxuba ukuba ucinga yinto yamabhinqa odwa le, namadoda iyawafuna”. Yele! Yini na le madoda!

Andikayi nakwenye ke yezi zinto unangoku, ndisala kume ngam. Kodwa inqaba kukuba la mabhinqa akayeki ukundintlokothisa ukuba ndiphekise kwesi sidlo sawo ndingaziyo ukuba kwenziwa ntoni na umntwana nomtshakazi bengekabikho nje. Ubugqwirha! Ndigoloza ndincame ndisikhuphe isiphekiso, ndikhuphe imali ngomsindo ndiwanike kuba ndikruquke kukumelwa ngobubhanxa endingaziyo ukuba babuvelaphi na.

Nithi ayikokugqunywa ngonomtidili na madoda le meko yam? Ezi zinto ndizibalula apha ekugqibeleni ndizicaphukela egazini, kodwa ndiyazenza ngenxa yabafazi! Kazi kunjani na kuwe! Goba msenge iibhokhwe zikutye!

Owenu kwisiXhosa, Nxuba.