‘Ukugxothwa kukaDe Lille kubonakalisa ukungathathelwa ngqalelo koomama kwiDA’

UPatricia de Lille kwinkomfa noonondaba eKapa Umfanekiso: David Ritchie

EKAPA: UKUSUSWA kukaPatricia de Lille esihlalweni kubonakalisa ukuba abathathelwa ngqalelo omama kwiDA kwaye lonto izakuyichaphazela kulo nyulo lwalo nyaka uzayo, utsho umhlalutyi wezopolitiko uNjingalwazi Somadoda Fikeni.

Uphulukene nobulungu bakhe kulo mbutho, wasuswa nasesikhundleni sakhe sokubanguSodolophu waseKapa uDe Lille yiDA ngoLwesibini.

Oku kuza emva kokuba wachazela iRadio 702 ngomhla we26 kuTshazimpuzi ukuba uzakubeka phantsi iintambo emva kokuba ehlambe igama lakhe. IDA isebenzise umthetho wayo owaziwa njenge Section 3.5.1.2 othi umntu uyayeka ukuba lilungu lombutho xa ethe wabhengeza ukuba uzakubeka phantsi intambo.

UFikeni uthe: “Ukuba lo mlo uyaqhubekeka, lo nto izakuyichaphazela iDA ngokuthi iphulukane nevoti zabantu abamnyama nabebala. Kaloku le Kapa kuxatyanwa ngayo yile bebesoloko bezingomba isifuba besithi ayinarhwaphilizo kwaye igqwesile kwezenkonzo. Ngoku kuvela ukuba belukhona urhwapjhiilizo qha belugqunyiwe.”

Uthe lo mbandela uzakubanefuthe kwilizwe lonke malunga nenkxaso yeDA. “Selekucacile ukuba iDA ayikwazi ukulawula kurhulumente wendibaniselwano. Lo nto siyibona kwezindawo apho isebenzisana neEFF neUDM ngokuba baxambulisana oko.”

UFikeni uthe eyona nto ivezwa ngulo mbandela kaDe Lille kukuba abantu ababhinqileyo abathathelwa ngqalelo kwaye abanamandla kulo mbutho. 

“Khangela wemka njani uLindiwe Mazibuko. Uphinde nomtshato kaMamphele Ramphela neDA owakhawuleza waqhawuka. Waphelela phi uNosimo Balindlela? Oku kubonakalisa ukuba abafazi bayasokola kwiDA. Lo miba yenza uzibuze umbuzo wokuba lunjani ulawulo lukaMaimane ngako mama?” utshilo.

Kanti nosekela sihlalo wequmrhu elilawulayo kwiDA, uNatasha Mazzone uvumile ukuba lo mbandela kaDe Lille ubenza baxhalabe bengumbutho ngenxa yefuthe onalo ebahlalini baseKapa. “Ayiyomfihlo into yokuba wonzakele umbutho yile meko ngenxa yokunqongophala konxilbelelwano oluya kubavoti bethu,” utshilo.

Uceba weDA nongafunanga ukuchazwa uthe: “IDA izigwaza ngokwayo. Ngebelindile kwadlula ulonyulo kuqala. UDe Lille ngumntu wabantu uyamanyelwa xa ethetha. Khangela ngoku ebesandulu kutsala amawaka kaSes’khona People’s Rights Movement nkqu nenkokeli yabo uLoyiso Nkohla. Ngoku bazakuhamba noDe Lille baye apho ayakhona.”

USipho Faltein waseGugulethu oneminyaka engama60 uthe le ndlela aphethwe ngayo uDe Lille imenza athandabuze intembeko yeDA ngokumela abantu abamnyama. “Jonga nangoku, baqumbe bazizifu emva kokuba inkokeli yabo yathi makuqwalaselwe umba wokuhlutha kwabantu abamhlophe nokulamba kwabamnyama. Lo nto ibonakalisa ukuba bajongene neziqu zabo kuphela-ntonje bafuna ivoti kuthi. Le nto kaDe Lille izakubachana ngoba kugcwele umntu omnyama nowebala apha,” utshilo.

michael.nkalane@inl.co.za