Ukuhluba Sisithethe Seentombi zakwaNtu

Eli nqaku ndilibhaliswa sisankxwe esenziwe luninzi lwabantu bakowethu abaNtsundu ngenxa yesiganeko sokuxhentsa kweentombi zesikolo iMasimanyane S.S.S selali yaseNdakana eQonce zinxibe kuphela iinkciyo kukhuphiswano obeluseMthatha.

Eliyinene lona lelokuba isithethe sokuxhentsa kweentombi zihlubile sisithethe esidala sakwaNtu, kodwa eyona nto isithe abantu kwizithethe namasiko abo luhlobo eziswe ngalo imfundo ngamaNgesi awayeshumayeza ingqobhoko nobuKrestu.

Umntwana womntu oNtsundu wayefundiswa indlela yokudelela inkcubeko nolwimi lwakhe.

Ngolu hlobo: AmaNgesi afika nemfundo ekuthiwa yiNatives Education ekwakufundiswa kuyo abantwana bamagqobhoka ahamba icawe bengakhathelelwanga abantwana beentsukaze. Le mfundo yayizinyelisa izinyemba zonke izinto zentlalo nempilo yabaNtsundu. Amasiko nezithethe zabantu kwakusithiwa zizinto zabahedeni.

Onke amagama esiXhosa athi atshatyalaliswa kuba kusithiwa ngawobuhedeni. Abantwana babengena kuwasebenzisa esikolweni amagama athi, umntu uyaxoka kwathiwa mabathi uyamma, uyaphosisa.

Abantwana babengena kuya kutitshalakazi bathi bafuna ‘ukuya kuchama’ okanye bathi ‘bayaphiswa’ kuba loo magama kwakusithiwa ngawobuhedeni. Umntwana kwakufuneka athi. ‘Please Miss May I go out”. Kwakuba nzima xa umntwana eye kutitshalakazi wabhidanisa wathi, “Good Morning Miss,” endaweni yokuthi ngesiNgesi ufuna ukuya ngasese). Umntwana wayehlekwa kusithiwa, “Uthini na?” de omnye umntwana azingcolise ngelindle. Aphinde agqityezelwe ngakumbi, utitshalakazi amkhuphe njengenja emgxotha ebambe iimpumlo, “M-hu-* ! Phuma apha!”

Le nto yokunyenjwa kwezinto zesiNtu yenza ukuba uninzi lwamaqaba lubakhuphe abantwana bawo ezikolweni.

UNtantala, P. kwincwadi yakhe ethi, ‘A Life’s Mosaic: The Autobiography of Phyllis Ntantala,’ ubhala athi ngamava akhe ngeNative Education: “Sasisahlulwa ngokwamaqela, siye kutitshalakazi sifike sithi, “Please, Miss, may I go out” (uxolo Nkosz, ndingaya ngasese). Ukuba kwakutheni kufuneka esi sicelo sisenze ngesiNgesi, andikayazi, ndicinga ukuba le yayinxenye yemfundo yethu.”

Uphinde athi: “Xa ndiqwalasela emva kwimihla yasesikolweni, ndifumanisa ukuba izifundo zethu zazigxininise eNgilani, kwizithethe zamaNgesi nezaseYurophu. Kwakungekho nto ithethwa ngeAfrika, incinci kakhulu neyayithethwa ngoMzantsi Afrika, ngaphandle kwesicatshulwa kwincwadi yesifundo yebanga lesi3 ngoSir George Grey, owayechazwa ‘njengesona silumko kwiirhuluneli ezakhe zeza eMzantsi Afrika.’ Nazi izinto ezintathu awazimisela ukuzenza: ukudiliza amandla eenkosi zemveli, ukuphelisa iinkolelo (ngeso sizathu, simile isibhedlele saseGrey eQonce), nokuphelisa ukungakhathali nobuvila kubemi beli lizwe.

Unobangela wokuba abantu banxakame xa bebona lo mxhentso wesi sikolo, iMasiphathisane, ubangelwe lelo lifa lemfundo sashiywa nalo ngamaNgesi.

Kuthiwa mandulo ngemihla yamashwa xa isivuno sihlaselwa ziintethe ezinkulu ezibizwa ngokuba ziinkumbi, iintombi ezinxibe iinkciyo zazikhokhelwa ligqirha ziphethe iyeza lokugxotha ezo nkumbi emasimini. Le nto isenziwa kuba ziziintyatyambo zesizwe.

Phaya kweliya lakuthi eDutywa bekusithi xa kukho intonjane emva komhla wokutshatelwa kwayo, iintombi zizule ilali zingena umzi nomzi zinganxibanga zibhinqe iinkciyo zihamba zicela umbona. Emzini zazifike zixhentse enkundleni kanye ngolwa hlobo bebexhentsa ngalo abafundi baseMasimanyane.

Le nto yayingeyonto ihlasimlisa umzimba yayibukelwa ngomncinci nomdala, indoda nomfazi. Ukugqibela kwam ukuyibona loo nto ngala wam amehlo kwakungo1975.

Ubudlwengu obukhoyo abukhuthazwa kukuhamba ngaze kweentombi, ezinye zezizathu yintlalo entsha yesiLungu, ukuhla kwezinga lomthetho, utywala obuthengiswayo nokuxhaphaka kweziyobisi ezifana nepilisi.

AbeLungu bafika abaNtsundu beli lizwe behamba ngaze besela. Utywala babebulawula ngokwamabutho. Inkwenkwe ingarhabulisani nendoda. Amadoda esela nabafazi bawo.

Amadoda ayenxiba izidla (undyilo), ufele olufakwa apha ebudodeni lujinge de lube lugqajolo olujinga okomsila. Indoda yayiphakama ixhentse ingombathanga, khon’ukuze kuvele izibongo ezithi, “Ujukuty’umthondo omde engawusingisi mntwini!”

Zininzi izinto zesiNtu ezitolikwa kakubi sisizwe sethu, ezinjengezibongo zeentombi, “Dudlu manyoko, uyokoyoko nje ziitiki zam ezo. Umphambili ntombazana umva siwuqhelile, uyivimba nje uyayichamela!”

Iintombi zazimetsha zilala nabafana isaziwa loo nto ngabazali, zibuya apho zingamithanga.

Into yokuxhentsa zihlubile kweentombi zaseMasimanyane iza kukhulula iingqambu nakwiintombi ezingamaxhoba obudlwengu khon’ukuze zikwazi ukuxoxa ezinkundleni ngesiXhosa zisitolika gabalala ngqo eso senzo.

Umbhali uBudaza, G.S. kwincwadi ethi, “Khaufan’Ucinge” uzichaza ngolu hlobo iintombi zakwaNtu ezazinganxibi, “… bekusithi xa sukuba kuthunywa iintombi, okanye zisiya kutheza, “Uze ungadlali ngeenkomo zikayihlo”… Ezi ntombi zazizidla ngobuntombi bazo, zitsho ngaloo mabele athe nto…”