Ukukhotyozwa kwamanina emaplasini!

Ngomhla wamashumi mabini anesihlanu kweyeNkanga, umhla wokubhengezwa ngokusesikweni kwephulo lentshukumo echasene nokuphathwa gadalala kwamanina nabantwana, ndithe ndiqhuba ngentseni ndisiya emsebenzini, ndadibana namanina nomthinjana besuka ezibhasini nakoololiwe, besiya kusebenza kumaplasi angqonge ummandla weWinelands kunye neBoland.

Abanye bebehamba ngesantya esiphezulu, bambi bebaleka, ukuze abanye babonakale benyathelela phezulu ngokungathi bayankcunkca.

Nanjengoko ubawo uMngwevu ondizalayo wayalayo, kuba ingamanina neentombi ndimisile, ndakhwelisa abahlanu kubo. Ngoko nangoko incoko iqalisile, ndizichaza nabo bezazisa kum, ndikwabuza ngomsebenzi wabo.

Iimpendulo zabo, ingakumbi intombi kaBlenjana emaBambeni nakooZulu kwelaseNcemerha, nonguVuyo igama, indenze ndamisa imoto kukothuka, ndaziva ndidanduluka ngelithi: “Yhini na kodwa Thixo wokhokho bethu! Yhini na kodwa manyange asaphilayo nalele ukuthula!

Kungani na amanina nomthinjana benziwe amakhoboka emisebenzini nangoku sekusithiwa sikhululekile?”

Ibali lala manina lindikhumbuze amazwi kamama owayelitshantliziyo ekulweleni amalungelo abasebenzi basezifama nasemigodini, umama uRuth First.

Lo mama, wathi wakubona ingcinezelo, ukuxhatshazwa, ukukhotyozwa nokungcungcuthekiswa kwabasebenzi basemigodini nasezifama, wenza esi sikhalo ndisenzayo nam namhlanje, esenza kumnyaka ka1959, ekhalazela ukusetyenziswa kabuhlungu kwabantu abantsundu emigodini nasemaplasini, besetyenziswa iiyure ezinde ilanga lihlabe umhlaba, kwiimvula ezinkulu nakwimimoya evuthuzayo.

Njengentatheli, umama uRuth First wabhala ngosizi lwabantu abantsundu ababeshiya amakhaya ezilalini zaPhesheya nakuMneno Nciba, besiya kusebenza emigodini nasemaplasini, kodwa ngenxa yokuphathwa ngokwamakhoboka kwezo ndawo zemisebenzi, baphele bebuya bengahlelanga kuya phi kwezo ndawo zomsebenzi.

Nobawo uMahatma Karamchand Gandhi ukhe wayidlala eyakhe indima ekulweleni kwala malungelo abasebenzi basemaplasini, naye ebona indlela obabugquba ngayo ubukhoboka kumaplasi amandulo.

Wabhala ekhuthaza abasebenzi esithi, “Ikamva lenu lixhomekeke kwintshukumo eniza kuyithatha namhlanje, nitshintshe imeko embi enizibona nikuyo, ukuze nizakhele ingomso elihle nina nabantwana benu.”

Ngokuthetha la mazwi, eli qhawe lalingafuni kubabona abasebenzi basezifama besamkela ukuxhatshazwa kwabo, koko lalifuna babulwe ubukhoboka, ukuze bakukhululeka kubo, kube kusekeka ikamva eliqaqambileyo lesizukulwana sabo.

Ayinyani la mazwi kuba thina sikholelwa kwelokuba luya kuthi lwakungakhali usana xa lufuthanisekile, lufele embelekweni.

Mawethu, emva kokuncokola namanina asebenza kumaplasi esidiliya; amaqunube; ezinye iziqhamo kwaneminye imifuno eyahlukileyo kwiidolophu ezifana nooWellington; Paarl; Malmesbury; Stellenbosch; Kraaifontein nezinye kwiphondo leNtshona Kapa, ndiye ndamana ukuthatha uhambo ndisiya kujonga kula maplasi, kwaye endikubonileyo kundenze ndanovakalelo lokuba ubukhoboka bubuyile, namhlanje buvela ngokuxhatshazwa kwamanina neentombi ezintsundu kumaplasi abasebenza kuwo.

Kumaplasi amaninzi ndiphawule ukuba abantwana bakowethu basetyenziswa kwiingqatsini zelanga imini yonke, bafumane nje ixesha leti eliyimizuzu eli15, kunye nexesha lesidlo sasemini esiyimizuzu engama30 ukuya kwimizuzu engama40.

Khawufane ucinge ke umntu oqala emsebenzini ngentsimbi yesixhenxe kusasa, atshayise ngentsimbi yesithandathu malanga, athi ngoku esebenza iiyure eziphakathi kweshumi neshumi elinanye, aphumle nje kuphela imizuzu engama55 ubuninzi, ingakumbi xa umntu efumana nje iR2 ngokusebenza ixesha elongeziweyo!

Obu bubukhoboka obuphindaphindeneyo! Uninzi lwabo bendincokola nabo, bathi ngeli lixa bevuna isidiliya nesiqunube, ngelanga inenekazi ngalinye kufuneka ligcwalise ingxowa ebukhulu bubalelwa kwiikhilogram ezingama25.

Iikhilogram ezingama25 zingalinganiswa neengxowa ezimbini zomgubo wombona oziikhilogram ezingama12.5, ezi zithengwa emakhaya ukuze zihlale inyanga. Abaninzi kwaba mama noosisi bethu, bathi xa umsebenzi engafikelelanga kwezi khilogram zingama25 ngemini, unikwa isilumkiso, ukuze xa ephindile akafikelela kwityeli lesibini, akhonjwe ngesango agxothwe.

Ngenxa yolu xinzelelo lokusebenza njengamakhoboka, abaninzi kubo baphela besebenza elangeni imini yonke bemi ngeenyawo, kungekho thuba lakuchopha, bengayi nakwizindlu zangasese, phofu nazo zimbalwa kakhulu zibe zimdaka, kuba ezinye zisuke zibe phakathi kwesihlanu neshumi, zibe zijongene nabasebenzi abangaphaya kwamakhulu amahlanu, konke oku abantwana bakowethu bekwenza ngenxa yendlala, le yayibonwe ngumama uRuth First ngo1959.

Ubukhoboka basemaplasini obujolise kumanina nakwiintombi zomzi ontsundu obabusiliwa kwakwisithuba sika1959, nangoku busenzeka kwiifama zaseNtshona Kapa.

Ndiyacela ndiyabongoza kuni mzi wakowethu nakuni ziphathamandla zaseburhulumenteni, kuquka nemibutho yamalungelo oluntu, xa isizwe sizibandakanya kwiphulo lentshukumo echasa ukuxhatshazwa kwamanina nabantwana, masimanyaneni kuyiwe kuliwa ukuze kupheliswe ukuxhatshazwa nokukhotyozwa kwamanina neentombi zakuthi kumaplasi aseNtshona Kapa, nakumanye akwilizwe ngokubanzi.