Ukukhubazeka ayikokuphela kobomi

Amalungu alishumi elinesibini akwilali iTyhaphile eNgcobo asisiqinisekiso sokuba ukuphila nokukhubazeka akuthethi ukuba zisizele uhlale phantsi ulindele ukufakwa icephe emlonyeni.

Kwaba mama nootata kukho abaqhwalelayo abahamba ngeentonga abanye bakhubazeke ngendlela yokuthetha.

Omnye kwaba mama akakwazi kuhamba ugaqa ngamadolo akanaso nesitulo samavili, kodwa nangona kunjalo ungena entsimini atyale kunye nogxa bakhe.

‘’Asifuni kusizelwa thina, yonke into esiyityayo nesinayo siyisebenzela ngezandla zethu, ukukhubazeka kwethu akuthethi ukuba sizimbedlenge ezixhomekeke kwimali yesibonelelo sikarhulumente’’ utsho umama uSindiswa Nkohla ohamba ngentonga.

Le projekthi yaqala ngonyaka ka2012 belima indawo encinane, amanye amalungu aye angenelela ngokubona ukuba bayonwaba xa bedibene belima bekhuthazana bengabantu abakhubazekileyo de baba leli nani lilishumi elinesibini.

Ngokubona ukuzimisela kwabo, umasipala waseNgcobo kunye nesebe lezolimo banika inkxaso ngamatanki amanzi, imbewu kunye nezixhobo zokulima kwaba mama nootata.

Bayincoma kakhulu ingeniso abathe bayenza kulo nyaka ingakumbi imifuno yabo neyathi yaba yinkxalenye yezivuno ezathi zahamba phambili kukhuphiswano lwamafama olwalubanjwe ngo-Agasti kule dolophu.

‘’Siye sacinga nelinye icebo ke ngoku ukuba xa singekho ntsimini masenze omnye umsebenzi kwalapho ke siye saqala ukwenza iimethi nezihlangu nebhegi ngeeplastiki ezindala’’ utsho umama uNkohla.

Uqhuba athi, abantu abangenasiphako somzimba esibonakalayo bathenga apha kubo.

Nangona abanye abantu bebahlonipha ngemisebenzi yabo yezandla kusekhona abantu ababajongela phantsi ingakumbi xa bebabona kwindawo yokulahla inkunkuma bechola ezi plastiki baye bacinge ukuba abaphilanga ncam.

‘’Siyabacela abantu ukuba bayeke ukucinga ukuba abantu abaphila nokukhubazeka nangoluphi na uhlobo ngamageza angakwazi kuzenzela nto kuba akunjalo, thina sondla iintsapho zethu ngemisebenzi yezandla ezi zethu, sidalwe sinje abanye bafumene iingozi apha ekukhuleni kodwa siyamkele imeko yethu kuba ayiyikutshintsha’’ utsho uNkohla.