Ukulima kuthetha imali kuMagidigidi

UMphathiswa wezolimo uMlibo Qoboshiyane ekunye nenkulumbuso yeMpuma Koloni uPhumulo Masualle noDumisa Magidigidi, esamkela isipho esixhasa ifama yakhe noPemmy Majodina eZingcukeni eQoboqoboUMFANEKISO: SIYANDA JANTJIES

INTO ebangela ukuba abantu basilele ekwenzeni impumelelo kwicandelo lokufuya nokulima, kungenxa yokuba bayangxabalaza balinike ingqwalasela yesibini eli candelo.

Oku kuthethwe nguDumisa Magidigidi (32) waseTyeni eMaclear. UMagidigidi ngumfama osakhayo kodwa osele engcamle impumelelo kweli shishini. Uneenkomo zenyama ezingamashumi asixhenxe anesibini kwaneemazi zobisi ezingamashumi amahlanu ananye, kwaye uthi akuphelelanga apha, usafuna ukukhula kweli shishini.

“Ukulima lishishini, naliphi na ke ishishini lifuna uchithe lonke ixesha lakho, kungenjalo sokuze uzibone iziphumo. Soze uthi ungumfama waseMaclear, ube uhlala eMonti. Ngubani ozakuhoya elo shishini,” kubuza uMagidigidi.

“Noxa ndilima imifuno nombona nje, eyona ndigxile kuyo kakhulu ziinkomo. Ndivelisa inyama yenkomo kodwa ndikwanazo neemazi zobisi olusemgangathweni. Ubisi ndiyaluthengisa kubantu abangqonge indawo yakowethu, ndiphinde olunye ndiluthumele kwizikolo zakuQumbu naseMount Fletcher,” kutsho uMagidigidi.

UMagidigidi uthi icandelo lezolimo yinto akhula nayo kowabo.

“Utata wam wayengumfama, yiyo le nto ndingazange ndiyibone enye into endinokuze ndiyenze ngaphandle kofuyo nezolimo. Ukuphumelela kwam ibanga leshumi ndagqiba kwelokuya kwiYunivesithi iFort Hare apho ndathi ndenza isidanga se-BSc (Animal Science).”

Nanjengoko ukuqala ishishini lokulima kuzindleko, uMagidigidi uthi kwanyanzeleka ukuba ayokuboleka imali ebhankini emva koko wathenga iteletele. “Ukuba ngumfama asikokwenza imali ngesaquphe, kuthatha ixesha futhi ke ukuba ungumntu ongakwaziyo ukunyamezela, ungazibona uphelelwa ngumonde,” kutsho uMagidigidi.

Uthi ngethuba esiya eFort Hare wayeyazi ukuba uyokufunxa ulwazi ngezolimo engajonganga ukuba uzakuqashwa ngubani akugqiba ukufunda.

Ukugqiba kwam ukufunda ndaqala ukuqweba amaqhinga okuqala ushishino kwezolimo,” utshilo uMagidigidi.