Ukulima okuzinzileyo kuhlwayela ikamva

UKULIMA ngundoqo woqoqosho kuba kususa ikati eziko ze kwenze nengeniso.

Kodwa ukulima nje ngaphandle kokusebenzisa imiqathango yokujonga ikamva lendalo kujika kube lilize.

Le yindlela uBrad Ker-Fox waseJeffreys Bay ayiqwalasele ngayo imeko yokukokoswa komhlaba nezityalo zawo, ukuze izizukulwana ezizayo zithathise mhla kuphela amandla kubo.

UKer-Fox, ngumfama okwangumanejala weeprojekthi zeABI Africa, iziko loshishino ngokwezolimo.

Indlela yokulima kaKer-Fox ithi apho kuhlwayelwe khona imbewu, makwaziwe ukuba kukho izizukulwana ezizayo ezifuna ukuphinda zisebenzise kwalo mhlaba, ekulimeni nasekufuyeni.

Ekunye noogxa bakhe kule nkquleqhu, abafana noosoqoqosho kwanabezendalo, uKer-Fox ukholelwa ukuba ukulima kubaluleke kakhulu xa kusenziwa oko ngokwemo ezinzileyo.

Uthi ukungahoywa komhlaba ngabalimi, kubangela ukuba kutshabalale izityalo, amadlelo atshabalale kuquka neendawo zokunqanda amanzi.

UKer-Fox uthi ukuba utatomkhulu wakhe, owayeyimbongi kwanomfama ngeminyaka yoo1950, ebengazange amkakaze ngolwazi lwezilwanyana ngengekho kwiinkquleqhu zokukhuselwa kwendalo namhlanje oku.

Ngenxa yoku, iFama yoPhehlombane ngoMoya yaseJeffreys Bay (Jeffreys Bay Wind Farm) yagqiba kwelokuba mayizixhase iinzame zophuhliso lwezoqoqosho ngokuthi ifake inkxasomali kumaphulo ale ndawo afana neWonder Water Cattle Farming Project kwaneKruisfontein Emerging Cattle Farmers Herd Improvement Programme.

UHlengiwe Radebe ongumlawuli wophuhliso lwezoqoqosho eJeffreys Bay Wind Farm, uthi imihlambi yinto efanele ukuxatyiswa ingakumbi kwiphondo elineelali elifana neMpuma Koloni.