Ukulungisa ezemfundo kweli phondo

Xa ucinga, ubuyela emva, uzibuza ukuba wayela ntoni esikolweni, ingaba ungathi wayela ntoni? Okanye uyela ntoni?

Impendulo yalo mbuzo iye ibenento yokwenza nekamva. Ungumntu awuziboni usiya ndawo ungenamfundo.

Ingaba ke le ngcingane ikwayinto apha ekhoyo kwiintloko zabantwana besikolo banamhlanje? Umntu uyakwazi ukuzigqibela ukuba “njeng’ba ndifunda ndilungisa ikamva lam!”? Ukuba ungumntwana wesikolo, ufunda esi sibhalo, ingaba kuwe ufundela ntoni?

Lo mbuzo usuka kwinto yokuba xa utyelela izikolo ezithile kweli phondo lethu laseMpuma Koloni uye ufumanise ukuba kutyhafe wonke umntu kuzo; kutyhafe itishala, kutyhafe umfundi. Batyhafiswa yintoni?

Xa umntu ethetha nabafundi uye afumanise ukuba abantwana abathile baziva okanye bazibona bengaxatyiswanga esikolweni; ootishala umntwana bambona njengomntwana qha. Kubelapho ke iinkani zingena khona. Ufumanise ukuba abanye ootishala banabafundi abangazimiselanga tu ukubaphulaphula nabaphazamisa abanye abafundi.

Maxa wambi uye ufumanise ukuba uninzi lwabantwana abacacelwanga ncam kukubaluleka kwale ndawo bakuyo.

Ingxaki kwezemfundi ikwizimilo, intswela-ngqeqesho kunye nokungahloniphani komfundi notishala.

Yiyo ke lo nto siye sibenombuzo wokuba xa sithengela ezi zikolo iidesika ezintsha okanye xa sithengela abantwana besikolo izihlangu okanye ii-iPad neekhompyutha; ingaba na sikhuthaza ntoni kubo?

Okanye sibanceda njani? Asithi ezi zinto azilulo uncedo. Ziyafuneka. Zibalulekile. Kakhulu. Ntokunayo ingathi ikwayenye indlela yokubaleka undonakele kwezemfundo. Umkhuthaza njani umntu emphefumlweni ukuba ayithathele ingqalelo imfundo yakhe?

Usitshintsha njani isimo sengqondo? Umvuselela njani utishala ozibona erholiswa imali encinci, ontyumpantyumpeka ematyaleni, ohamba umgama omde ukuya emsebenzini? Umkhuthaza njani ukuba akwazi ukukhuthaza abantwana?

Ezi zezinye zezinto ekufuneka sizicingisise ukuba sifuna ukulungisa ezemfundo.