Ukulwa ugawulayo aphele nya!

Ingaba na singakwazi ukumphelisa nya ugawulayo? Kungafuneka senze ntoni ukuze siqinisekise ukuba le mfazwe siyayiphumelela?

Qho ngonyaka kuqikelelwa inani lamantombazana angama-380 000 osulelwa ngengculaza. Abona bantu bangamaxhoba ngabafazi. Bosulelwa ngubani? Ngamadoda is’kakhulu.

Uphando-sifundo oluqhubayo lubonakalisa ukuba eyona ndlela yokuphelisa ugawulayo kukwenziwa kwechiza lokuzikhusela okanye into enokuqatywa ngabantu basetyhini.

Enye yezinto esibona ngathi abafuni ukungena nzulu kuyo pha kula nkomfa kagawulayo eqhutywa eThekwini kule veki ngumba wokuziphatha kwabantu. Ingaba kwenziwa ntoni ukuqinisekisa ukuba indlela yokuziphatha kwamadoda iyatshintsha? Iidyasi zikamkhwenyana kudala zabakhona kodwa kumane kusithi gqi izifundo ezithi amanye amadoda athi soze asebenzise khuseleko xa umntu lowo alala naye enomtsalane mpela okanye emhle kakhulu okanye xa isengumntu osemtsha. Ingaba iqabane lona liye lithini xa umntu esithi akazukusebenzisa khuseleko? Kutheni kubanzima ukuthi hayi kwiqabane?

Kusekho nabo bangakholelwayo ukuba ugawulayo yinto ekhoyo. Kusekho nabangafuni nokuwabona amayeza neepilisi ngelithi ziyingozi. Kusekho nabathi ichiza likagawulayo selikhona qha liyafihlwa.

Kubekho abo banethemba lokuba bakunyangwa ngamayeza esiNtu. Kuyakhuthaza ke ukubona namagqirha epha eThekwini, ethatha inxaxheba kula nkomfa, athi kudala efumana abantu abasesichengeni sokufa abanethemba lokuba bangaphila, ekusebenzisaneni kwabo nezibhedlele noogqirha baye bakwazi ukukhuthaza umntu oze kubo eneempawu zeTB okanye ugawulayo ukuba makakhawuleze aye esibhedlele.

Kule mihla umntu uyakwazi ukuphila ixesha elide nogawulayo. Akunyanzelekanga kubhubhe mntu kodwa sona isisombululo siyafuneka. Uncedo iyakuba kukutshintsha ukuziphatha kwabantu okanye ichiza. Siyathemba ukuba le nkomfa iqhubayo iyakusishiya neempendulo hayi imibuzo eyongezelekileyo.

Previous article‘Funxani imbali ngoMadiba’
Next article#TheQueen
SHARE