Xa ukhangela kakuhle kule mihla ufumanisa ukuba kunzima ukuzalanisa iinkosi zemveli kunye nenkolo yobuKrestu.
Oku kungenxa yokuba uninzi lenkosi noko zibuthuntu kumcimbi wokukhonza ngokubheka ezicaweni, nangona likho elo qaqobana likhonzayo. Kodwa xa kukonke oku akuthethi ukuba abahlekazi aba abazani nenkosi.
Ibali likaKumkani uFaku kaNgqungqushe wamaMpondo lingumzekelo omhle kuba kuthiwa ngenxa yokuxakwa yimilo ibingapheli kweliya lamaMpondo, lo mzukulwana kaNyawuza wabalekela kwikomkhulu lenkonzo yama- Wesile esiya kucela uncedo.
Ngaloo mihla ikomkhulu lenkonzo yamaWesile lalizinze eRhini, nalapho wafika wenza isicelo sokuba kuthunyelwe abefundisi ukuzakushumayela ilizwi leNkosi phakathi kwamaMpondo.
Kuthiwa esinye sezizathu zakhe yayikukuba imilo ibishushu kakhulu phakathi kwesizwe sakhe kunye nesizwe samaZulu ngeminyaka yoo 1828.
Inkonzo yamaWesile yasamnkela ngezandla ezishushu isicelo sikaKumkani uFaku yaza ngonyaka ka 1830 yathumela oonozikhakhana ukuba bayekuqalisa ukushumayela uThixo kweliya lamaMpondo. La madoda kaThixo anikwa umhlaba ukuba amise iintente zawo kummandla okwiNtshona yomlambo uMzimvubu nelathi kamva elo ziko lenkonzo labiwa ngokuba yiBuntingvile Mission.
Eli ziko lamaWesile lathiywa ngegama likamfundisi uBunting ongumsunguli wale nkonzo yamaWesile.
Umfundisi uEdmunds wasungula inkonzo kwiMpuma yomlambo uMzimvubu waza wamisela apho iziko loshicilelo ePalmerton kufutshane naseLusikisiki, eli ziko lalincedisa ukupapasha iincwadi ezazisetyenziswa ukushumayela ilizwi leNkosi kumaMpondo.
Ngenyanga kaTshazimpuzi ngonyaka ka1930 umfundisi uWilliam Shaw watyelela emaMpondweni ukuya kwazisa uKumkani uFaku kubefundisi ababesele bengene ngamandla ngevangeli kweliya lamaMpondo.Eyona njongo yayiphambili ka- Kumkani uFaku yayikukuba acengelwe kophezulu ukuze isizwe samaMpondo sikhuseleke kwiintshaba zaso. Aba befundisi babaliqonga elihle lonxibelelwano phakathi kwekomkhulu likaFaku kunye nezilawuli ebeziphethe ngelo xesha. Okuhlekisayo kukuba uKumkani akazange abonise mdla wakuguquka yena, kodwa enqwenela ukubona isizwe sakhe sishunyayezwa. Ngomhla weshumi elinanye kwinyanga yeKhala ngo 1882 kufike umfundisi uPeter Hargreaves owasungula izikolo kunye namaziko okuqeqesha ootishala kwingingqi yaseMfundisweni kufutshane nedolophu yase- Flagstaff kumaMpondo aseMpuma. Ngenxa yomdla owawuboniswa sisizwe samaMpondo ukwamnkela iNkosi ngonyaka ka 1930 kuye kwafika elinye iqela labefundisi abebephuma kwinkonzo yama- Datshi kunye namaTshetshi.
Zombini ezi nkonzo zaye zamnkelwa ngezandla ezishushu nguKumkani uFaku kunye neeNkosi eziphantsi kwakhe, yahamba ivangeli yenkosi kwelamaMpondo.
Iinkonzo ezi zabaliqegu lokuqhutyelwa phambili kwenkqubo zophuhliso loluntu kwanokuvulwa kwamehlo abantu kwezemfundo nakweminye imingxilo. Umgangatho wolwazi kumadoda nabafazi bamaMpondo latshintsha ngenxa yezi nzame zabefundisi bakwalizwi. Ngenxa yoku, lakhula inani labantu abamnyama abafundileyo ngeminyaka yo 1930, baguquka ngandlela ithile ubomi babantu.
Nangona oku kwancedayo nje, kodwa kwelinye icala kwavula isango lokulahleka komhlaba wezizwe ezininzi kuba kamva kwangenelela ulawulo lomantyi kucuthwa amagunya eeNkosi.I-
bali lesizwe sama Mpondo lithi, ukubhaqwa kwezimbiwa ezifana negolide nedayimani eKimberly ngo 1867 kweza neenguqu ezibuhlungu kwesi sizwe sika- Faku, kuba amadoda anyanzeleka ukuba ashiye abafazi nabantwana esiya kusebenza emigodini.
Ukukhula kwezi nguqu kwimingxilo eyahlukileyo yentlalo kwabangela ukuba ngeminyaka yoo 1960 kubekho uvukelo phakathi kukarhulumente kunye namadoda amaMpondo.
UKumani uFaku wenza umbulelo kwinkonzo yamaWesile ngephondo lendlovu ngokushumayela kwawo ilizwi lenkosi kweliya lamaMpondo.
Uninzi lamaziko enkonzo esiwabonayo kwiindawo ezahlukeneyo zelizwe amile kwimihlaba yeeNkosi ezathi zakwamnkela zakubona kulungile ukushunyayelwa kwelizwi lenkosi kwimihlaba yazo. UNkosi Ngangomhlaba Matanzima ongusihlalo wendlu yeeNkosi zemveli uhlala eyala iinkosi mihla le ukuba zihambe ziye enkonzweni, esithi ukuya enkonzweni kwenza ukuba zitshabalale nezinye izinto ezingakhiyo.
UNasreddine Nabi uthumele umyalezo kubalandeli beKaizer Chiefs