UKumkani uMisuzulu ufumene ngaphezulu kweR70 million

IKumkani yamaZulu uMisuzulu kaZwelithini. UMFANEKISO: Doctor Ngcobo

Urhulumente wephondo laseKZN ugalele njengesiqhelo imali engaphaya kwamashumi asixhenxe anesixhenxe ezigidi zeerandi (R77.5 million) kwingxowa yekomkhulu likaKumkani uMisuzulu kaZwelithini.

UKumkani uMisuzulu kuphela kweKumkani efumana isibonelelo esinje esisuka kwingxowa mali kaRhulumente wephondo.

Oku kukunika nokuhlonipha iKumkani njengezinye iiKumkani kwihlabathi ezixhamlayo zikwanamagunya athile kulawulo lelizwe.

Nangona le mali ingaphantsi kunaleyo wayinikwa kunyaka ophelileyo, uKumkani uMisuzulu uyaqhubeka ukuxhamla kwezinye izibonelelo.

Ezinye iiKumkani kwamanye amaphondo azinawo amalungelo afana nawaseKZN, kuba zamkela kuphela umrholo ovela kuRhulumente kazwelonke. Oku kungangenxa yokuba zininzi iiKumkani kumaphondo afana neMpuma Koloni.

Ubuninzi bazo abulotyala, kodwa kukusilela kwamagosa kaRhulumente ukwenza umsebenzi wawo ukukhusela isidima sezi Kumkani.

Kunyaka ophelileyo ikomkhulu lobuKumkani bakwaZulu lifumene imali engaphaya kwezigidi ezingamashumi asixhenxe anethoba eerandi (R79.5 million). Oku kwenzeke ngethuba iNkulumbuso yela phondo uThami Ntuli ebesenza intetho ngohlahlo lwabiwo-mali lweofisi yakhe njengeNkulumbuso.

“Indlu yeNkulumbuso inoxanduva lokuxhasa ikomkhulu leKumkani lakwaZulu, injongo kukuba ikomkhulu likwazi ukuqhuba iinkqubo zalo ezaziwayo eziquka umhlanga,” kucacisa uNtuli.

UbuKumkani bukaMisuzulu bugqithe ebunzimeni obuninzi emva kokuba ethe wathatha isikhundla emva kokukhothama kukayise uGoodwill Zwelithini.

UbuKumkani bakwaZulu bubo kuphela obunegunya lobunikazi kumhlaba wephondo laseKZN phantsi kweNgonyama Trust.