UKumkani uMisuzulu uthi umtshato wakhe awurhoxiswanga

UKumkani uMisuzulu kaZwelithini.

UKumkani uMisuzulu kaZwelithini uzikhabile iingxelo zokuthi urhoxise umtshato wakhe wesintu nenkosikazi yakhe yesithathu, uKumkanikazi uNomzamo Myeni.

Imbalelwano enesihloko esisemthethweni sobukhosi kunye nephawu ekuthiwe ityikitywe yiKumkani, ibange ngelithi uMisuzulu uyalele uMlawuli Jikelele kurhulumente wephondo laKwaZulu-Natal, uGqirha Nonhlanhla Mkhize, ukuba arhoxise amagosa okhuseleko kaMyeni nezinye izibonelelo ngenxa yokurhoxisa kwakhe umtshato.

Le leta yazichaza izizathu njengomba ungaphaya kwamandla osapho lwasebukhosini kodwa ayizange ichaze ngakumbi ngezi zizathu.

Kudliwanondlebe olukhethekileyo lomnxeba kunye neKumkani kunye neKumkanikazi ngeCawe, esi sibini saphika ubunyani bezi leta zisasazwa kumajelo eendaba nakumakhasi onxibelelwano, nezinika izizathu zokurhoxiswa komtshato ocwangciselwe ukuqhutywa kwimpelaveki ezayo.

UMyeni uphendule ngomothuko kwiindaba zokurhoxiswa komtshato wakhe.

“Yintoni erhoxisiweyo? Ingaba uthetha ngantoni? Ndihleli noKumkani apha asiyazi ukuba uthetha ngantoni. IKumkani ayikandazisi ngalo nto,” utshilo uMyeni, emva koko wanikezela ifowuni kuKumkani.

UKumkani uphele yintsini wathi: “Endingakutsho nje kukuba ndiyamthanda umkami futhi ndizomtshata ngenkani.”

Esi sibini sithe usapho lwasebukhosini luza kubiza intlanganiso engxamisekileyo ukuxoxa ngentsusa yezi leta ezijikelezayo.

IKumkani yahleka xa isithi esi sibini sikwibhotwe lobukhosi Esmashobeni, ibhotwe elitsha ePongola kumntla-mpuma wephondo laKwaZulu-Natal.

Eli bhotwe elikukuvuselelwa kwebhotwe likaKumkani uShaka, kulapho iKumkani ibibambe khona umsitho woMkhosi Woselwa ngoLwesine, apho amagorha akwaZulu enze isiko lokukrwitsha inkunzi yenkomo ibulawe ngesandla.

“Ukuba abantu bafuna ukukholelwa ubuxoki yingxaki yabo leyo. Hamba uyoxelela abafuna inyani ukuba ndiyamthanda umfazi wam kwaye ndizomtshata ngenkani. Ndinqwenela ukwenza umnxeba wevidiyo ukuze ubone ukuba sikunye,” utshilo uKumkani.

Kusenjalo, amagqwetha amele umfazi weKumkani, uKumkanikazi Ntokozo Mayisela ocela umngeni kulo mtshato, athe akukabikho nxibelelwano lusemthethweni kwaye baza kuqhuba njengoko bekucwangcisiwe baze baye enkundleni ngoMvulo ukuya kuthintela lo mtshato.

Njengoko bobabini, uKumkani noMyeni, beqinisekisa ukuqhubeka komtshato, kuza kugxilwa ngamandla kwiinkqubo zenkundla zangoMvulo.

UKumkani ulilungu lecawe iBandla lamaNazaretha kwaye umsitho womtshato uza kuba kwiCawe ezayo ngokuhambelana nokugcinwa koMgqibelo njengomhla weSabatha.

Eli bali liqale lavela kwi-IOL.