Nangona enikwe imvume yiNkundla ePhakamileyo yaseMgungundlovu ukuba aqhubele phambili nomtshato wakhe wesintu noza kuba ngumfazi wakhe wesithathu, uKumkanikazi uNomzamo Myeni ngempelaveki, uKumkani uMisuzulu uwurhoxisile lo msitho.
Lo mtshato, ebekulindeleke ukuba utsale abantu abasuka kude njengaseSwatini namanye amazwe asebumelwaneni, ubuza kuqhutyelwa kwibhotwe laKwaKhangelamankengane ngeCawe.
Nangona kunjalo, iNkosana ephezulu esondeleyo kuKumkani ithe umsitho womtshato uhlehlisiwe. INkosana ithe nangona kungekho sizathu sinikiweyo, kodwa into ebeyiqondwa kukuba umsitho womtshato mawunqunyanyiswe ukuze iKumkani igxile kwinkqubo yoqhawulo-mtshato nomfazi wayo wokuqala, iKumkanikazi awayitshata ngo2021.
“Ndicinga ukuba xa umamele iinkqubo zenkundla ngoMvulo, uya kukhumbula ukuba iKumkani, emaphepheni ayo, yakhanyela ukuba izimisele ukutshata nabani na logama isesemtshatweni ophantsi komthetho woluntu. Ngoko ke, mhlawumbi ufuna ukuliyeka ityala loqhawulo-mtshato lihambe phambili ngokuhambelana nengxoxo yakhe yasenkundleni yokuba wayengenazinjongo zokutshata ngoxa umtshato wakhe wokuqala ungeka qhawuki,” itshilo iNkosana.
Esikhaba isicelo senkosikazi yakhe yokuqala, uKumkanikazi uNtokozo Mayisela ngoMvulo, uJaji uSidwell Mngadi uthe abukho ubungqina bokuba ngenene lo msitho uza kuba ngumtshato.
UMngadi uveze ukuba xa esi sibini siza kutshata ngokwesintu, kusafuneka siye kwiSebe lezeKhaya ukuze sibhalise lo mtshato, ngoko ke, akazuwunqanda umsebenzi wesintu wabantu abangaziwa noba sithini isimo sabo.
Ijaji iphinde yasithandabuza isicelo sikaKumkanikazi emva kokuba evumile ngokuzithandela ukuba kwisithembu kwileta ayibhalele usapho lwasebukhosini.
Kwinto ethatyathwe njengophawu lokuba konke kuhamba kakuhle phakathi kwakhe noMyeni, iKumkani ifike noMyeni yahlala ecaleni kweqonga phambi komkhosi wayo namagosa karhulumente. Lo Kumkanikazi ubonakale esenabo oonogada bakhe nangona bekubhalwe ileta nekutyholwa ukuba yatyikitywa yiKumkani isiya kuMlawuli Jikelele wephondo uGqirha Nonhlanhla Mkhize.
Le leta yayicela uMkhize ukuba abuyise unyawo ekubonaleleni uKumkanikazi ngazo zonke izibonelelo zakhe kuquka nokurhoxisa oonogada bakhe. Le leta ikwarhoxise umtshato, nangona kunjalo, uKumkani wakhanyela ubunyani bale leta, esithi kudliwanondlebe olukhethekileyo ukuba uza kutshata umfazi wakhe “ngenkani.”
Ethetha kwisikhumbuzo sekhulu elinamashumi amane anesithandathu sedabi laseSandlwana ngoLwesithathu, iKumkani yakuphepha ukuthetha ngemiba yolawulo neyobuqu ebisengundabamlonyeni ukusukela kwinyanga ephelileyo, isithi akakagqibi isiko lokuzilela isizwe sakhe.
“Ndiyazi ukuba amajelo eendaba alindele ukuba ndithethe ngeNgonyama Trust kunye neThala, kodwa andizukuyenza loo nto kuba ndingekagqibi nesiko lokuzilela isizwe sam. Loo miba neminye ndiza kuyithetha emva komhla we12 kweyoMdumba okanye ndithethe ngayo ngethuba kuvulwa iNdlu yeenkokeli zeMveli (kunye namaKhoisan),” itshilo iKumkani.
Iinzame zokufumana isiqinisekiso sokumiswa komtshato azikhange ziphumelele kuba iKumkani ayinaso isithethi okanye ummeli wayo emva kokugxotha uNkosana uSimphiwe Zulu kwiveki ephelileyo.
Eli bali liqale lavela kwi-IOL.
iMamelodi Sundowns inyathele iMpheni Defenders emdlalweni weNedbank Cup