“Olu lulwango olungcwele, yindlela endala esibulisana ngayo apha enkonzweni nakwamanye amazwe kubuliswana ngolu hlobo, akukho nto ityhulu kuyo yonke le nto.”
La ngamazwi kaBhishophu Elijah Nkulwana Shweni oyinkokeli yenkonzo yakwaSirayeli (Church of God and Saints of Christ in South Africa) ezinze kwidolophu yakuKomani neendawo ezingqongileyo.
Ukuncamisana kwamadoda xa ebulisana kuyinto engaqhelekanga kwindalo, kodwa kule nkonzo oku kuyinto yemihla ngemihla kuba besithi babonisa uthando nokwamnkelana. “Incwadi yezibhalo phaya kumaRoma 16 vs 16 ithetha ngokucacileyo ngolu lwango lungcwele ithi”bulisanani ngolwango olungcwele,” ucacise watsho uShweni. Kumfanekiso uBhishophu Shweni ubonisa olu lwamnkelo lungcwele kuMdikoni uMonwabisi Mgijima.
Le nkonzo yasekwa ngonyaka ka1921 emva kokuba umprofethi uEnoch Mgijima wathi wafumana umyalelo ovela ku- Thixo ephezu kwentaba yase- Ntabelanga eBulheok.
Ngomhla wamashumi amabini anethoba kule nyanga le nkonzo yakwaSirayeli izakuba ibhiyozela iminyaka engamashumi alithoba anesihlanu yasekwa.
“Sizakuba sikhumbula amadoda angabasunguli bale nkonzo abathi babhubha kula ntaba yembali, sisebenzisana nomasipala waseChris Hani iLukhanji kunye nesebe lemidlalo nenkcubeko ephondweni,” utshilo uMgijima.
Le ntaba yaseNtabelanga ikunye nawo onke amangcwaba akuyo izakuba sisiza esililifa lembali. Abo bangcwatywa kule ntaba badutyulwa ngurhulumente walo maxesha ngenxa yokungavumi kusuka apho bekhokelwe ngumseki wale nkonzo uEnoch Mgijima.
“Phaya kukho iziko lokugcina imbali, amangcwaba neziko lokugcinwa kwembali yenkonzo yakwaSirayeli,”uthethe watsho uShweni.
Usodolophu womasipala waseLukhanji uNozibele Makhanda uyangqina ukuba umasipala wakhe uzakuncedisa ukuqhubela phambili esi sikhumbuzo.
“Sibinze ngemali ephaya kumashumi asibhozo amawaka eerandi ukuqinisekisa ukuba yonke into ihamba ngendlela,” uchaze watsho uMakhanda.
Uthi esi sikhumbuzo kudala silindelekile ukuba senzeke kungoko bengakhange bathandabuze ukuxhasa impumelelo yaso. “Esi sikhumbuzo sesethu sonke, eyona nto ibibambezele apha ibizindawana ebezilungiswa ngaphakathi enkonzweni, ngoku siyavuya ke singumasipala xa, iqhubeka. Isebe lezotyelelo kuzwelonke liphakathi kwamasebe esisebenza nawo kulo mcimbi,”utshilo.
Umongameli welo xesha eMzantsi Afrika uLouis Botha walahlekelwa yinkxaso epalamente eKapa ngenxa yokubulawa kwaba bantu. Iinkokheli zorhulumente wephondo leMpuma Koloni zilindelekile kule mibhiyozo.Othethe egameni lesebe uAndile Nduna uyakungqina oku.
IPirates iza kudlalela ukuyibetha iSundowns, utsho uJose Riveiro