Ukungaphumeleli sesona sifundo siyinkuthazo

Andingomntu ukoyikayo ukuzichaza xa ndingazi nowathwethwa ngento, yaye zininzi izinto endigazaziyo, kodwa endikwaziyo nendiqinisekileyo ngako kukuba ukufa nokungaphumeleli zezona zinto abantu abaninzi abazoyikayo nabanqwenela ukuba bangaze bagagane nazo ebomini.

Nditsho wena hlwempu, sinhanha, mnt’omnyama nawe mlungu, akho namnye umntu ongazingomb’ isifuba ngelithi soze abhubhe yena okanye soze angaphumeleli kuyo yonke into ayenzayo ebomini.

Ndiyaphi nayo yonke le nto? Kwezi veki ziphelileyo bendincokola nabanye abafundi bebanga lesibhozo ngenye yeemini ebendishiyeke nabo ukuphuma kwesikolo xa behlalela ukwenza imisebenzi yabo yasekhaya yesikolo bengamaqela ngamqela, le nto sithi zi ‘homework clubs’ ngolwasemzini.

Le ncoko iqale ngokuthi ndibabuze ukuba bakhona na phakathi kwabo abakhe batshona nalipha na ibanga kwiminyaka edlulileyo? Khange kubekho sandla siphakamayo. Ndiphinde ndababuza ukuba baqhube njani kwiimviwo zabo zekota yokuqala kulo nyaka? Nalapha kuye kwe cwaka abanye ndabeva behumzela bencumela emacaleni.

Ndikhawuleze ndayiqonda ukuba mhlawumbi indlela endiyibuze ngayo le mibuzo ayibaxolisanga ncam. Ndibachazele ke ukuba injongo yam ayikokuhlaza abo bangenzanga kakuhle, koko ndifuna ukugqithisa umyalezo othi ukungaphumeleli kwizifundo zabo okanye ukuphinda ibanga ayiyonto banganeentloni ngayo okanye bayoyike; kuloko kufuneka bayithathe njengesona sifundiso sikhulu sokuziphucula kwixa elizayo.

Hayike, yangathi ndithetha isiGrike ke ngoku, ndahlekwa nokuhlekwa mntu wabantu, kanye la ntsini inesikrokro phakathi nephikisana noku ndikuthethayo. Kwanyanzeleka ndicacise banzi ndikwanika nemizekelo ephilayo kuquka namava am. Khange kube lula ngale ndlela bendilindele ngayo, kodwa umyalezo ebendifuna ukuwubethelela kubo njengoko bekunyaka wabo wokuqala kumabanga aphezulu ngowokuba ukutshona yinto elindelekileyo nakubani na, nditsho nabo bangoompondo zihlanjiwe, kuba kaloku umsebenzi wesikolo uzakuye usenyukela unyaka nonyaka. “Hayi kodwa sisi ingathi uyasilahlekisa ngoku, akhonto intle ekutshoneni. Lilonke wena usikhuthaza ukuba singazifundi iincwadi zethu,” utshilo umbuzo wokuqala.

Banxakama bonke abantwana bengqinelana nogxa wabo. Ndakhawuleza ndayicacisa into yokuba noxa umnqweno wam ikukubabona bephumelela bonke kwizifundo zabo, kodwa okunye okubalulekileyo kukuba mabayazi into yokuba ukutshona nokungaqhubi kakuhle kwizifundo ezithile ayilo nyala.

Iingqondo zikhawuleze zabuya kum, kwe qatha into yokuba kanene apha ndithetha nabantu abasele beneminyaka esixhenxe befundiswa bekwabona ukuba ukutshona uvuvavanyo lwesifundo, nokungaphenduli umbuzo kakuhle kwityeli lokuqala xa uwubuzwa ngumfundisi-ntsapho, oko kunesohlwayo esikhulu, ubekwasiso nesigculelo sokuhlekwa nokugezelwa ngabanye abafundi.

Ndibakhumbuzile ke ukuba konke oku ndikuthethiswa kukuba nam lo, kuquka wonke umntu ongene isikolo de wayokuqhina kwibanga leshumi elinesibini, iingqondo zethu zaqeqeshwa ze zabunjwa iminyaka elishumi elinesithathu yonke ukuba masikoyike ukungaphumeleli, sikubona njengehlazo; hayi njengendlela enokusinika inkuthazo yokwenza bhetele singatyhafi.

Yonke ke le nto indibuyisela kumbuzo endikhe ndawubuzwa wokuba kutheni abantu abatsha beli besoyisakala kangaka kwezoshishino, noxa urhulumente enee-arhente eziliqela ezinikezela ngenkxaso-mali? Noxa zininizi izizathu zoku, kodwa endipuma naso mna sesi singqamene ngqo nala minyaka siyichithe esikolweni sisoyika ukungaphumeleli.

Nawuphi na usomashishini osele esisinhanha ngoku uyakukuchazela ukuba seyilisiko kubo into yokungaphumeleli nokwenza iimpazamo amatyeli aliqela elandelelana phambi kokuba izinto ziyondelelane.

URichard Branson ngomnye umzekelo wezinhanha okungqinayo ukuba noxa yena sele ephumelele ngokugqithisileyo ebomini, iimpazamo zona usazenza minyaka le; kodwa kunjalo okona kubalulekileyo kuye kukuba mpazamo nganye inesifundo esimkhulisayo.