Ukunika inkcaza ngemali kungathintela iingxabano kwizikolo

Umphathiswa wesebe lezeMfundo
eMpuma Koloni uMandla Makupula uyalele 
iinqununu zezikolo neebhodi ezilawula iizikolo,
iiSGB ukuba ziphumele elubala ngendlela ekusetyenziswa ngayo imali
ukuthintela ukujamelana ngezikhondo zamehlo.

UMakupula uthi ngethuba
leentlanganiso zabazali unongxowa
webhodi elawula isikolo makanike
ingxelo ngemali ekhoyo kwangethuba kungekaqali ingxaki. Ukuthethe oku
kwintlanganiso neenqununu zezikolo, kwakunye namalungu eebhodi zeSGB eWalter
Sisulu Yunivesithi, eZamukulungisa eMthatha.

Lentlanganiso ibijoliswe
ekuhlahleni indlela
ngolawulo oluphucukileyo lezikolo kunyaka ozayo. Ibizinyaswe
zizithili eziquka uMthatha, iLibode Mega, iMount Frere, iMbizana,noQumbu.

“Imali iyaxabanisa
kakhulu kumele icaciswe indlela esebenza ngayo, izikolo azina mali yeyabafundi. Izikolo ezikwinqanaba
elisezantsi
uQuintile1,2,3 azivumelekanga zibize imali ngenxa yokuba
zinikwa imali sabelo esiyi-R1177 ngomfundi nganye,” utshilo Makupula.

UMakupula uthi izikolo
ezinegunya lokuhlawulisa abafundi zizikolo
ezikuQuintile 4,5 kuphela
kuba zinikwa imali encinci lisebe lezemfundo.

Ukwathe, “Abazali
mabanganyanzeliswa ukuba bakhuphe
imali endaweni yalo nto makubizwe
intlanganiso kuxoxwe baphinde banikwe ithuba lokucinga ngeziphakamiso. 

Inqununu mazohlukane nomkhuba wokugxotha abazali ngelibaleka nenyani
ngokwenzekayo kuba lonto idala kungabikho mvisiswano ngolawulo.”

Izinto ekulindeleke zibekwe phambili kunyaka ozayo
lulawulo olusulungekileyo, nokunikwa kwemali izikolo ngokwenani
labafundi.

UWandile Ngceba okwisigqeba weSADTU kwisebe
eliseMqanduli uthi into yokuqeshwa kootitshala ngokwenani labafundi inomfutho ombi ezikolweni njengoko isebe lingajongi izifundo ezenziwayo
kodwa abantwana abakhona.