Ukunyuka kombane kuza kugrumba iimpokotho

Umbane kulindeleke ukuba unyuke kulo nyaka ngomhla wokuqala kuTshazimpuzi, baninzi abantu abaza kuchaphazeleka ngokwasezimalini.

Iingxaki zombane eMzantsi Afrika zisaqhubeka, kwaye njengoko ilizwe lisilwa ucimicimi wombane, kulindeleke ukuba anyuke amaxabiso ombane. INersa ivumile ukonyuswa kwamaxabiso ombane nge-18.65%, nokuza kuqala ukusebenza ngomhla wokuqala kuTshazimpuzi walo nyaka.

UEskom ucele ukunyuka kombane nge32% kunyakamali ka2023/24, oqala kuTshazimpuzi. Kwakwesi sicelo sombane sinye, le nkampani yombane icele ukongezwa konyuso nge22.52% ngo2024/25. INersa inike uEskom unyuso lwamaxabiso nge-12.74%.

Kwingxelo, uEskom uthethe ngesigqibo seNersa, esithi bayasithakazelela isigqibo esinzima seNersa malunga nokumisela ingeniso yonyakamali ka2024/2025 kwaye bayaluqonda uxinzelelo oluya kubekwa kubathengi.

Ingqonyela yakwaEskom, uCalib Cassim, uhlomle ngesi sigqibo. “UEskom uyasiqaphela isigqibo seNERSA. Esi sigqibo siya kuba negalelo elincomekayo ngokwembono yezemali nozinzo,” utshilo uCassim.

Uqhube wathi, “Ukuqingqwa kwengeniso yamakhulu amathathu aneshumi elinesithoba eebhiliyoni zeerandi (R319 billion) kunye namakhulu amathathu anamashumi amahlanu anesibini eebhiliyoni zeerandi (R352 billion) kunyakamali ka2024/2025 kuya kuvumela enye imfuduko ukuya kwinqanaba lexabiso elibonisa iindleko ezifanelekileyo zokuvelisa umbane.”

Nangona kunjalo, iAssembly of the Unemployed (AoU), umbutho waseMzantsi Afrika wabangaphangeliyo, ikuchasile ukunyuswa kwamaxabiso eEskom. “Ngaphezu kwezigidi ezilishumi elinanye zabemi boMzantsi Afrika abangenamisebenzi, iNersa icinga ukuba siza kukwazi njani ukuhlawula imirhumo enyuka ngolu hlobo?” i-AoU ibuze kwingxelo yeendaba.

I-AoU iqhubekile yathi, “Uluntu akufuneki luhlawule urhwaphilizo oluqhubekayo, ulawulo olugwenxa kunye nenkcitho eyilahleko kaEskom. UEskom kufuneka alwamkele uxanduva lweengxaki zakhe aze nezinye izisombululo.

“Iyaxaka into yokuba uEskom uyasilela ekulungiseni nasekugcineni izithuthi zakhe ezikhoyo ngaphandle nje kokuba sihlawula amaxabiso ombane axhomis’ amehlo kuphela ngenxa yokucinywa kombane okwandisiweyo,” itshilo i-AoU.

Ngokutsho kwe-AoU, urhulumente kufuneka atyale imali kwiinketho zamandla ezizinzileyo, ezisebenzayo, kunye nezingabizi kakhulu ezifana namandla elanga kunye namandla omoya kwaye enze oko ngokubambisana kunye nangoluntu.

“Simemelela uluntu, imibutho, nabantu ngabanye ukuba bavakalise ilizwi labo ngoqhanqalazo nokucela umngeni kwiNersa kunye noEskom. UEskom ucinezela abathengi, ingakumbi abona bahluphekayo, abangakwaziyo ukufikelela kumaxabiso akhoyo,” iqukumbele njalo i-AoU.