Ukuphelelwa ngumsebenzi kwavula amathuba amahle

 

Kwabaninzi ukufika kweCovid-19 kweli kutshabalalise amaphupha uninzi luphelelwa yimisebenzi kambe kwabanye yaba luqalo olutsha kwimpilo zabo, oku kungqinwe ligqiyazana laseMalizole eLusikisiki uKhanyisa Sigebetshu (28) osele engumbhaki wamakhekhe ophume izandla kula mmandla weKay’s Baking Haven.

Uthi bakhululwa ekubeni bagoduke kwindawo ababesebenza kuyo ngeyoKwindla kunyaka ophelileyo wabe engenathemba lanto.

Uthi waqala ezidlalela ukubhaka ikhekhe yabe ilusuku lwakhe lokuzalwa ngoCanzibe kwakunyaka ophelileyo.

Eli gqiyazana lithi zange likufundele oku kubhaka koko lalimane libukela xa kulungiselelwa ukubhakwa amakhekhe apho lalisebenza khona.

Ikhekhe elo wazibhakela lona ngosuku lwakhe lamenza ukuba abe neli shishini analo namhlanje lokubhaka.

“Kulapho ndaqala khona ukubona ukuba ndingenza nto apha ukuba ndingazimisela. Kulapho ndaye ndazixelela khona ukuba ngoku ndizenzela igama kwaye ndizenzela nento yokuziphilisa ndingaxhomekeki ekuceleni yonke into njengokuba ndingasaphangeli nje.Ndamane ke ndijonga nakuYou Tube,” utshilo Sigebetshu.

Uthi liqalise ukuhamba kakhulu ekupheleni konyaka ka2020. Uthi abathengi bakhe bokuqala yayingabantu baseSajonisi.

Uthi imingeni ebenayo ekuqaleni kweli shishini kukuba esezilalini, imoto yokudiliva amakhekhe kwabo bafake isicelo bakude, nokungabina zixhobo zokubhaka ezikhethekileyo, kwanokusokola ukufumana izixhobo kwangethuba azioda eThekwini naseMonti, nathi zithatha ixesha ukufika kokwabo.

Uthi usebenzisana nabaqhubi bezithuthi zikawonkewonke edolophini eLusikisiki ngokumane enikela bona la makhekhe akhe njengoko esasokola imoto.

Kodwa kuloo mingeni anayo uSigebetshu uthi ishishini lona liyakhula kuba sele ebhaka amaqebengwana kwakunye nee-pie.

Akuncomayo kwiKay’s Bakig Haven uSigebetshu kukuba amakhekhe wakhe ehamba nje kukuba athandwa ngabantwana kwaye bathatha la makhekhe kuba enooSpiderman. Abathengi bakhe baseSajonisi, Flagstaff, Mbizana neziphaluka zaseMthatha.

USigebetshu, ukhuthaza amanye amagqiyazana ekubeni le nto uyithandayo ibonakala ngathi yindlalo komnye umntu, yilandelele uyizame mhlambi ingakubeka endaweni.