Ukuphinda uGrade 12 kwamkhuthaza onguGqirha

UGqirha uQinisani Qwabe. Umfanekiso: Facebook

UGqirha uQinisani Qwabe waphinda uGrade 12 ngonyaka ka2011, emva kokungaqhubi kakuhle kwizifundo zakhe, kodwa namhlanje unguGqirha ophume izandla kwezolimo.

Xa ebesenza izifundo zakhe kwinqanaba lobuGqirha, uQwabe wenze uphando ngemifuno yemveli engasasetyenziswayo entlalweni yabantu baseAfrika.

Olu phando lalukhangela ukuba imifuno yemveli yakudala idlala indima enjani okanye ingadlala indima enjani kwezoqoqosho nanjengoko kulula ukufumaneka kwayo.

Ngaphandle kokuba esisifundiswa esifunde nzulu ngezityalo, uQwabe ukwangumfama kwaDlangezwa kwiphondo laseKZN.

UGqirha uQinisani Qwabe. Umfanekiso: Facebook

“Nanjengoko bendenze uphando nzulu ngendima yemifuno yemveli kuqoqosho, akukho nto indonwabisa njengokubona amafama asekuhlaleni ekhula kumsebenzi wawo wokuvelisa ukutya mihla yonke,” kucacisa uQwabe.

Ulutsha lukholelwa ukuba ukungaphumeleli uGrade 12 kuthetha isiphelo sobomi bomntu, kodwa amadoda afana noQwabe ayinkuthazo kulutsha.

“Ndincwase ukuphanda nzulu ngeendlela zokwenza ezolimo ngohlobo olugcina imveliso yokutya iqhubeka, ndinqwenela ukuba imveliso yemifuno yemveli ingashiywa ngasemva kwiinkqubo zokukhulisa ukutya,” kutsho uQwabe.

Uthi uneenjongo zokunabisa umsebenzi wakhe kwiphondo laseFreyistata ukuze akhulise, akhuthaze ukutyalwa kwemifuno yemveli. Uninzi lwale mifuno luzikhulela ezindle kungekho bani obanga ubunikazi bayo.

Emininzi kule mifuno iqulethe izakha mzimba eziliqela ezidingwa kakhulu ngumzimba kule mihla yezifo eziqubulayo.