Ukusebenzisa umdlalo weqonga kunye namaqhula ukukhuthaza uthando lokufunda

Omnye weqela leClowns without Borders Umfanekiso: Uthunyelwe

Kwenzeka ntoni ukuba umntwana akazithembanga ngokufunda? Akazi ukuba angafikelela njani ezincwadini? Okanye uziva esoyika ukungena kwithala leencwadi? Kwenzeka ntoni ukuba akukho bantu babagcinayo bahlala phantsi bafunde nabo?

Kulapho umdlalo weqonga unokudlala indima ebalulekileyo! Iiwekshopu ezisekelwe kumdlalo weqonga ezinika abantwana kunye nabantu abadala ithuba lokudlala, zingabakhuthaza nyani ukuba bazame izinto ezintsha.

Umzekelo, emva komboniso owenzelwe uGrade R wabantwana abaneengxaki zokufunda, sicele abantwana ukuba bazobe into abayonwabeleyo malunga nalo mdlalo. Omnye wootitshala uye weza kumbhexeshi ngokuzithoba, wamxelela ukuba angalindi lukhulu kumntwana othile ngenxa yeengxaki zakhe zokufunda.

Kungaphelanga nemizuzu emihlanu, lo mntwana beyizobile eyona ndawo ayithandayo kulo mdlalo, eyedwa engancediswanga ngutitshala wakhe okanye nguye nawuphi na omnye umntu oncedisayo. Wothuka utitshala, engakwazi ukuyiqonda into yokuba kutheni ezi ziphumo zilolu hlobo zingafezekiseki eklasini.

Siyayazi ukuba umdlalo weqonga awukwazi kwenza imimangaliso. Abantwana badinga ixesha nokuzinikela kwabantu abadala, abagcini kunye nootitshala ukuzinzisa umoya wokudlala, wokumangazwa nokufuna ukwazi ngaphandle kweziphumo kunye noxinzelelo lokufezekisa izifundo zaseklasini.

Le ndlela yokwenza izinto ipholileyo nedlalisayo iyafana nendlela iNal’ibali ekhulisa ngayo isithethe sokufunda kuMzantsi Afrika uphela; ngokunika abantwana kunye nabagcini babo ithuba lokufikelela kwiincwadi namabali abacingisayo nabafaneleyo ngeelwimi zabo, kananjalo namathuba abakho rhoqo okuzifunda nokuzonwabela kwiindawo ezipholileyo nezikhuselekileyo.

Siza kukusebenzisa njani oku kuhambelana kumandla ukuze sisebenzisane? Ngokuzisa amandla amabali kunye nemidlalo kuluntu lakwaZulu-Natal, eMpuma Koloni, eGauteng naseLimpopo, siza kumema abantu abadala kunye nabantwana ukuze bafumanise iilayibhri zabo zasekuhlaleni ngeendlela ezintsha. Bafumane ithuba lokuphola nokuziqhelanisa neendawo eziye ngamanye amaxesha zibonwe njengezingafikelelekiyo okanye ezoyikisayo, nokubakhuthaza ukuba bathandane neencwadi nokufunda baze babe ngabasebenzisi belayibhri abanomoya.

UJayne Batzofin yidayirektha yemidlalo yeqonga esebenza ngeekhontrakthi zexeshana aze uSuzan Eriksson abe yidayirektha yophuhliso yeClowns Without Borders South Africa.

UClowns Without Borders South Africa ngumbutho wokunceda abantu okhokelwa ngamagcisa, ozinikele ekuphuculeni imeko yengqondo ngokwasentlalweni yabantwana noluntu olukwiindawo ezigxalathelene nonxunguphalo, ngokubahlekisa nokubadlalisa. Lo mbutho wamiselwa ngo2004, uye waqalisa iinkqubo zokungenelela ngemidlalo yeqonga engaphezu kwama500 kunye neendawo zokuhlala zabantwana nabagcini abangaphezu kwama480 000. Ngenkcazelo ethe vetshe, tyelela ku-www.cwbsa.org

Ngenkcazelo ethe vetshe malunga nokhankaso lweNal’ibali, ngentsebenziswano noClowns Without Borders South Africa, okanye ukuze ufikelele kumabali abantwana ngeelwimi zaseMzantsi Afrika, tyelela * -www.nalibali.org no-www.nalibali.mobi. Kananjalo ungamfumana uNal’ibali kuFacebook nakuTwitter: nalibaliSA.