Ukuthandazela iingxaki zeecawe

Sikhe saseMthatha apha ezivekini nalapho sibe yinxalenye yenkqubo yokuthandazela iingxaki esijongene nazo kweli; ubundlobongela, ulwaphulomthetho, ukuphathwa gadalala kwamanina nabantwana, intswelangqesho, ubuqhophololo kunye nenzolo kwilizwe lethu.

Nangona kunjalo, sifuna ukugxininisa umba wokuba umthandazo kufuneka ukhatshwe nazizenzo.

Umzekelo, awukwazi ukuthandazela umsebenzi osogqiba usonge izandla uhlale endlini ngethemba lokuba umsebenzi uza kuzizela kuwe. Ayihambi njalo.

Awukwazi ukuthandazela umntwana wakho olisela ukuba makayeke, kufuneka uthathe amanyathelo okumqeqesha nokumlungisa ngokwakho mzali.

Okanye umbambise ngokwakho ukuba uyakohlula. Nakwiicawe ke ngokunjalo. Sekulithuba ngoku simane sibhala ngobugwenxa obuqhubeka kwiicawe, ingakumbi apha eMpuma Koloni. Kude kuthiwe thina siliphepha sisukela iicawe ezithile. Singazi ke thina nokuba sithi abathuma eza zicaka zikaThixo ukuba zenze izinto ezigwenxa na?

Sisiya sifumanisa ukuba amanina kwiicawe aphethwe kakubi; zizigculelo zeenkanuko zamadoda azimela ngebhayibhile. Naxa ezama ukufuna uncedo kwakwezi cawe la manina, uyakufumanisa ukuba bacela uncedo kwamanye amadoda.

Baphi oomam’ uMfundisi, oomama bebhatyi bona bathulela ntoni? Seside sibe namabali afana neli likwiphepha lokuqala kweli lanamhlanje – ‘uMpostile othumele umboniso wezesondo…’ – bekutheni? Bekutheni ze lo mama angasatyelwa xa ecela uncedo kwicawe yakhe. Sele ade aze kwiphephandaba labantu, I’solezwe, bekutheni anganikwa sihoyo?

Okanye bethu le ngxaki ibiza kuthandazelwa, iphele?

Uyakufumanisa ukuba uninzi lwezi cawe zisakuva ukuba ibali liza kuphuma kwiphepha, kungona babamanxadanxada, babonakalise ukukhathazeka.

Phofu ke abakhathazekanga ngexhoba, bakhathazeka ngehlazo elizayo. Hayi nto zakuthi. Ezinye iingxaki azilungiswa ngomthandazo kuphela.

Nathi asithandi ukubhala ngamanyundululu aqhubeka kwiicawe kodwa ukuba akwenziwa nto ngokuwaphelisa sakuhlala sibhala ngawo.