Kwabo bayaziyo imbali yeli phephandaba bayakukhumbula ukuba olu sana lwethu lisuka kuphando-sifundo olwenziwa kumaziko emfundo ephakamileyo. Sasizama ukusombulula umba wokuguqula iMedia kweli loMzantsi Afrika, ngeliqwalasela ukuba ingaze iMedia iguquke ngokobuhlanga ngokusebenzisa iilwimi zesiNtu? Ingakumbi isiXhosa.
Ukusebenza kwiyunivesithi kunika umntu amathuba amaninzi; ungqongwe lulwazi kunye neengcali zezifundiswa ezinokukuncedisa apha naphaya.
Iyunivesithi yindawo apha ephakamileyo, ezingca ngokuba nenkcubeko yokuxoxa imiba nokubhala ngemiba edla umzi. Iye yothuse mpela xa sibone ugushugushu lwabafundi bevala iindlela, betshisa izakhiwo, bekhupha abanye abafundi kwiiklasi, njalo njalo.
Iye ixake nyani le meko. Imbali yala maziko emfundo ephakamileyo yeyokuba wona angumhlaba weengcungcu. Yindawo yabantu abanomdla wokuphuhlisa ulwazi nokuphembelela ukwanda kophando kwizifundo ngezifundo.
Kutshanje kukho into etshintshileyo; asazi ukuba isuka phi, kodwa kutshanje wonke umzali uthumela umntana wakhe kwiyunivesithi ngelithi izakubalungiselela umsebenzi.
Enyanisweni iyunivesithi ayenzelwanga ukwenza abasebenzi; yenzelwa ukudala iincubabuchopho neengcaphephe.
Umbuzo ngowokuba kungena oobani kwiiyunivesithi? Ingaba iikholeji zeeTVET nezinye ezilungiselela abantu imisebenzi kutheni zona zijongelwa phantsi?
Ayinguye wonke umntu ozakungena kwiyunivesithi kwaye iyakusakha into yokuba sinyaniseke ngokuba iiyunivesithi zifuna oobani kuzo. Sibhala nje sikhe sabona ingxoxo-mpikiswano sava nezifundiswa zikhala ngelithi ezi ziganeko zoqhankqalazo aziyo nkcubeko yeyunivesithi. Kodwa nkqi ukuba ziphakame zithethe oku esidlangalaleni. Kwezi veki zilandelayo kuzakuqhankqalazwa mpela kwezi yunivesithi.
Umphathiswa wemfundo ephakamileyo, uGqr Blade Nzimande, wenze isibhengezo sokuba iiyunivesithi zakuzigqibela ngokwazo ukuba ziyonyusa ngamalini na imali yokufunda. Kodwa, zingagqithi ku-8% – kuzakuba nzima, ngoba akukho mfundi onokwamkela oko.
USamsung ukhuphe ekhasini oomanqanqa beefowuni eziphathwayo