Emva kokuba kugqogqwe iivenkile zabemi baseSomalia, indawo yaseNdevana kunye neLitha zishiyeke zithe saa. Eli nyathelo ibiyintsebenziswano phakathi kweLet Us Find Them-NPC, iSebe loKhuseleko loLuntu, uMasipala waseBuffalo City kunye neGunyabantu lezoTshutshiso (NPA).
ILet Us Find Them-NPC ithi olu gqogqo lumalunga neengxelo ezininzi ezimalunga nokuqeshwa kwabantwana kunye nokuthengiswa kokutya okuphelelwe lixesha eNdevana naseLitha. Iivenkile ezilishumi elinanye (11) ziye zagqogqwa; abantu abalishumi babanjiwe; baza abathathu bafumana izohlwayo zeeR2500 umntu emnye.
Isebe lezeKhaya, iiNkonzo zezeMpilo eBuffalo City, iNkonzo yesiPolisa yoMzantsi Afrika (SAPS) kunye nesebe lezaBasebenzi bebephakathi kwamanye amaqela athe athatha inxaxheba kolu gqogqo.
Ngokwengxelo kaLonwabo Yiliwe oyingqonyela yakwaLet us Find Them-NPC, bebepha ngeenjongo zokuqinisekisa ukuba oonovenkile bayawuthobela umthetho weLabour Relations Act kwanokuhlola ukuba bayawuthobela na malunga namaphepha.
Umasipala waseBuffalo City uye wagqogqa kunyaka ophelileyo phantsi kwegama elithi “Operation Spaza Comply.” Iivenkile ezikwiindawo eziquka iNorth End, Quigney, Bhongweni, Santa, Orange Groove, Greenfields, Nompumelelo, Amalinda Forest, naseSouthernwood nazo zithe zatyelelwa ngabo.
Eli nyathelo lwaba yimpumelelo ekuthinjweni kokutya okuphelelweyo kwakunye nolunye ulwaphulomthetho olwabangela ekuvalweni kweevenkile, ekubanjweni nasekukhutshweni kwezaziso okanye izohlwayo.
Ugqogqo luvavanya iimfuno zelayisensi, imigangatho yokusingqongileyo kunye nococeko, ukuthotyelwa kwezempilo nokhuseleko, ukuthotyelwa kwerhafu, kunye nobume bokufuduka. Indawo enelona zinga liphezulu lokungathotyelwa ukuza kuthi ga ngoku yiQuigney. Zilithoba iivenkile ezivaliweyo ngenxa yezizathu ezahlukeneyo, zizakhiwo ezilishumi elinesithandathu (16) ezifunyenwe zingekho mthethweni, kwaye ezilishumi elinantathu (13) ziziivenkile ezingabhaliswanga.
Lumka Oliphant: ‘Yekani utywala’