Umasipala waseKapa uthi abasebenzi babo kwicandelo lezempilo lokusingqongileyo (EHP) abafumananga bungqina bokutya kwezinja kwisilarha esingekho semthethweni eMfuleni eKapa.
Lo masipala uthe akusetyenziswanga ukutya kwezinja ukwenza ezi soseji, oku kusemva kwevidiyo ejikeleza kumakhasi onxibelelwano.
“Sicela uluntu luvumele uphando luqhube kwaye lohlukane nokwabelana ngolwazi olungeyonyani,” utshilo umasipala.
Esi siganeko siza emva kokuhletyelwa lilungu loluntu nokubangele ukuba lihlolwe eli shishini, litshilo iLungu leKomiti kaSodolophu kwiiNkonzo zoLuntu kunye nezeMpilo, uCeba uPatricia Van der Ross.
“Le ndawo ithe yahlolwa kwaye kwafunyaniswa ukuba yindawo eyenza inyama ngokungekho mthethweni edibene nendawo yokuhlala, kwafunyaniswa ukuba isoseji yayiveliswa kwaye ipakishwa phantsi kweemeko ezingacocekanga, ezinokubeka ingozi enkulu kwimpilo yabathengi,” utshilo uVan der Ross.
Uthe abasebenzi beli candelo (EHP) bathathe iisampulu zenyama kwishishini ukuze kuhlalutywe iikhemikhali ukuvavanya uhlobo lwezinto ezifakwe kwisoseji.
UVan der Ross ukwathe isohlwayo sakhutshwa ngokomthetho wezempilo, kwaye ityala liza kulungiselelwa inkundla ngokomthetho wenkqubo yolwaphulo-mthetho.
“Le ndawo kuthethwa ngayo ikwindawo yokuhlala. Ayibhalwanga phantsi njengeshishini, kwaye ukuba lo mntu ebengakhange asihlebele, abasebenzi bethu (EHP) bebengazukuba nasizathu sokwenza uhlolo,” utshilo uVan der Ross.
Uthe abasebenzi beli candelo bagunyaziswe ukuba bandwendwele iindawo zokutya ubuncinci kabini ngonyaka, kodwa ukuba iingxaki zichongiwe okanye zifunyenwe izikhalazo kuye kuhlolwe rhoqo de ingxaki isonjululwe.
Lo masipala uthi kulo nyaka uphelileyo, iindawo ezingamashumi amathathu anethoba (39) ziye zavalwa licandelo lezempilo kulo masipala ngethuba liqhuba umsebenzi walo wesiqhelo.
Amalungu oluntu anenkxalabo okanye izikhalazo malunga namashishini ayabongozwa ukuba aqhagamshelane neOfisi yeMpilo yokuSingqongileyo yasekuhlaleni ukuze bafumane uncedo, bangakwenza oku ngokundwendwela iklinikhi yabo yasekuhlaleni okanye batsalele iziko leTechnical Operations ku0860 103 089.
Kubanjwe abarhanelwa abangama84 kwisithili saseSarah Baartman