Ukutya okuphelelwe lixesha kufunyenwe kulahlwe eKhayelitsha

Ukutya okuphelelwe lixesha kufunyenwe kulahlwe eTown Two, eKhayelitsha. Umfanekiso: Ayanda Ndamane / Independent Newspapers

Abahlali baseKhayelitsha banyanzelise ukuba kuvalwe iziphaza kule ndawo, emva kokuba abantwana bebhaqe ukutya okulahliwe okuphelelwe lixesha kwindlela ephithizelayo eTown Two ngoLwesibini kule veki.

Aba bantwana babonwe becholachola iipakethi zeelekese ngethuba besiya esikolweni ekuseni, ekufumaniseke ukuba zilahlwe kwikonteyina.

Bathe bakufika abacoci, bafumana iingxowa ezininzi zemilimili, iilekese, iinudulzi kunye neebhiskithi. Ezinye zezinto zazinemihla yokuphelelwa lixesha eyaphela ngo2021 nango2022.

Ooceba bale wadi, uMthwalo Mkhutswana kunye noThando Pimpi, babize amapolisa bewacela ukuba abakhaphe ukuya kuvala iziphaza kule ndawo.

UMkhutswana uthe: “Sikrokrela ukuba emva kokuba uMongameli ethethe ngoLwesihlanu, abemi baseSomalia bagqibe kwelokuba bakulahle ukutya kwabo okuphelelwe lixesha. Balahle izinto abantwana abanokuthi bazichole bazitye. Sibize amapolisa kuba sifuna abone ukuba kwenzeke ntoni aze enze isigqibo.”

Ukutya okuphelelwe lixesha kufunyenwe kulahlwe eTown Two, eKhayelitsha. Umfanekiso: Ayanda Ndamane / Independent Newspapers

Athe xa efika amapolisa, uPimpi wawacela ukuba avale iziphaza, kodwa athi aza kubuyela kula ndawo namanye apolisa kunye namagosa kamasipala waseKapa.

Esi siganeko siza emva kwephulo likazwelonke elibhengezwe nguMongameli Cyril Ramaphosa, lokususa izibulali-zinambuzane eziyingozi eluntwini kunye nomyalelo wokuba zonke iivenkile zohlobo lwesiphaza kunye neendawo ezisebenza ngokutya zibhalise koomasipala bengingqi zingaphelanga iintsuku ezingamashumi amabini ananye (21).

Umhlali waseKhayelitsha, uNolwandle Solani, uthi kutshanje bebengcwaba umntwana ochole iitships kwindawo yokulahla inkunkuma engekho mthethweni.

“Abanini besiphaza balahla ukutya okuphelelweyo eBM Section, umntwana wathatha iitships. Wagula, xa umama wakhe efika ekhaya, wafumana umntwana ephuma amagwebu emlonyeni wakhe kwaye eso yaba sisiphelo sobomi bomntwana.

“Sifuna abasemagunyeni bayeke ukurhuqa iinyawo baqinisekise ukuba bayabakhusela abantwana bethu,” utshilo uSolani.

Ukutya okuphelelwe lixesha kufunyenwe kulahlwe eTown Two, eKhayelitsha. Umfanekiso: Ayanda Ndamane / Independent Newspapers

Itshantliziyo lasekuhlaleni, uMbulelo Dwane, uthe incoko enyanisekileyo iyafuneka malunga nabanini beevenkile zesiphaza ekuhlaleni.

“Ukuba baziphatha ngolu hlobo, besithengisela ukutya okuphelelwe lixesha, besibeka – thina nabantwana – emngciphekweni, kufuneka sizibuze imibuzo enzima efana nokuba, ingaba aba bantu bafanele ukuba kunye nathi kwiindawo esihlala kuzo? Ingaba bayanceda okanye babulala uluntu lwethu?” utshilo uDwane.

Kwiveki ephelileyo, abanini beGubta Meats eMfuleni – uMohammed Abdi Kadiye, 34, noMohammed Ali Ahmed, 36, abangabemi baseSomalia, babekwa ityala lokwaphula umthetho weFood Stuff and Cosmetics Act 54 ka1972. Ngenxa yokuvelisa nokuqhuba ngokungekho mthethweni isilarha esivelisa iimveliso zenyama ngaphandle kwesiqinisekiso esisemthethweni sokwenza oko.

Abo batyholwa kunye nabo, abemi baseMalawi uKondwani Mwezhande, 29, noSmart Chipod, 25 – kunye noAbduallah Abdinour, ongummi waseSomalia – babekwe ityala lokwaphula umthetho weImmigration Act, ngokuba kweli loMzantsi Afrika ngokungekho mthethweni.

Ilungu lebhunga likaSodolophu leenkonzo zoluntu nempilo, uPatricia van der Ross, uthe uluntu lungaqhakamshelana neOfisi yeMpilo yokuSingqongileyo kwindawo abahlala kuyo ukuze bafumane uncedo ngokundwendwela ikliniki yasekuhlaleni okanye iziko likamasipala iTechnical Operations Centre ku0860 103 089.

Eli bali liqale lavela kwiCape Argus.