Ukuvulwa kwezikolo lixesha lokubambisana

Kule veki amawakawaka abafundi baqalisa unyaka omtsha esikolweni benomfaneleko kwimpahla ezintsha abazinxibileyo noobhaka ababaxwayileyo abanezixhobo zokubagcina bexakekile usuku ngalunye beseklasini. Nangona uninzi lwabo lukhangeleka lukulungele ukumelana nomcelingeni wokuba kumabanga amatsha, likhona ixhala ngenxa yokungahambi kwezinto ngokwezicwangciso.

Seluvakala uxinzelelo kwezemfundo olubangelwa ngamanani agqithisileyo abafundi eziklasini ngenxa yokunqongophala kwezikolo ezisemgangathweni kunye neetitshala zokuhlohla izifundo ezingundoqo.

Olu xinzelelo luyabaliswa ndawo zonke. Kuthiwa lukwabonakala ebusweni beenqununu ezineengcwangu ngenxa yokuphelelwa ngamazwi anovelwano okucacisela abazali nabantwana abasafolele ukubhalisa nabangayikholekwayo into yokokuba inani labafundi abafake izicelo zokwamkelwa lingaphezulu komthamo omamumathwa zizikolo kwiingingqi ezininzi ezikumaphondo oMzantsi Afrika, kuquka ele Mpuma-Koloni.

Kukhangeleka lukwaphenjelelwa nazinguqu eziza nemfuduko yabazali babantwana befudukela kwizithili ezinamadlelo aluhlaza omsebenzi kunye nezindlu ezingcono. Oku kuyacaca xa kuvulwa izikolo njengoko inani labafundi abasafaka izicelo zokwamkelwa lingaphezulu komthamo wezikolo ezikufutshane nalapho bahlala khona okanye ebumelwaneni neengingqi abakhetha ukufunda kuzo.

Ukuqhwalela kweenzame zikarhulumente ekukhuthazeni inkqubela kucaca gca minyaka le xa kuvulwa izikolo. Kodwa kulo nyaka kukhangeleka ngathi izinto zithathe unyawo.

Ngeli lixa iSebe Lokuhlaliswa Kwabantu lithe gqolo ukwakha izindlu ngenjongo zokugutyula amatyotyombe, nangeli lixa imbinana yamashishini idala amathuba emisebenzi, isekhona ingxaki kuba iSebe lezeMfundo liyashiyekela ekwengezeni inani lezikolo ezisemgangathweni kwiingingqi ezichaphazelekayo. Oku kushiyekela kubeleke kwingxaki yamhla-mnene yokoyisakala ekugutyuleni izikolo zodaka ekusafundelwa kuzo kwimimandla ezisezilalini.

Le mfuduko iza nokutyhudisa nengxinano kwizikolo ezininzi ukuqala kwezo uninzi lwabafundi bahamba ngeenyawo okanye ngezithuthi zikawonkewonke xa besiya esikolweni kuphumle kwezo abafundi bashiywa esikolweni ngabazali abaneemoto, okanye ziimoto eziqeshelwe ukubathutha.

Kaloku liya ngokwanda inani labazali abakhetha ukufundisa abantwana kwizikolo ezisezidolophini nezidume ngokuhlohla imfundo esemgangathweni ophezulu xa kuthelekiswa nezikolo ezisezilokishini nasezilalini. Oku kuzindleko ezingafikelelwa nguye nabani na koko ngabazali abamkela imivuzo encumisayo yaye kunefuthe kushishino lwezothutho nolunegalelo kuhlobo abafundi abafikelela ngalo kwezi zikolo.

Okubalulekileyo kukuba kubazali babantwana abaxhomekeke kwezi zithuthi ziqashwayo bebambisene norhulumente baqaphelisise ukhuseleko kwezi zithuthi. Kwakhona, kubalulekile ukuba abazali balondoloze imali eyaneleyo ukuhlangabezana neendleko zonyaka ukuze kungabikho bantwana abayeka isikolo phakathi enyakeni ngenxa yokungabinanto yokukhwela.

Kule minyaka mithathu idlulileyo iingxelo zeNational Credit Regulator nezinenkcukacha-manani ngabantu abantyumpantyumpeka ematyaleni zibonisa ukwanda kwenani labazali abayekise abantwana esikolweni emva kokudendwa emisebenzini. Oku kukwangqinwa nakwizicelo zeeSchool Governing Body zezikolo ezifaka izicelo zesibonelelo ngenkxaso-mali karhulumente kuba, nangona zikwiindawo ezihlala abantu abamkela imivuzo encumisayo, isiqingatha esivisayo sabafundi abakwezi zikolo sisuka kumakhaya angathathi ntweni.

Ukanti olu xinzelelo kwezemfundo aluphelelanga ngaphakathi kwamasango esikolo. Lunabele kude phaya njengoko ikomkhulu lemanyano enkulu yootitshala ijongene ngezikhondo zamehlo neziphathamandla zeSebe lezeMfundo ngenxa yokungaboni ngaso-nye ngoluhlu lwezinto emakuchithwe imali yesebe kuzo ukuze imfundo yeli ibe semgangathweni.

Oku kusengakhokelela kuqhankqalazo lweetitshala nokungabikho kozinzo kwezemfundo okunokunyanzelisa abafundi ukuba bazibone bexhinkxwa ngezifundo nangeempelaveki kuba kusithiwa kuzanywa ukubuyekezwa ixesha elilahlekileyo kungafundiswa.

Nangona kunjalo, kumele sizimisele xa sisonke ngokubambisana siqale uqalo olutsha ukuqiniseka unyaka oyimpulelelo kwezemfundo.

Kwakhona, ukuvulwa kwezikolo kutsalela iingqondo zethu sonke kwizinto ezimbini ezahlukileyo nezingundoqo empilweni yethu ngokubanzi: amava ngokulandelelana kweentsuku esiziphilayo kunye namava ngokuphindaphindana kwezinto imihla ngemihla.

Amava ngokulandelelana kweentsuku asifundisa ngenkqubela ehambelana nokukhula ngonyaka ngamnye esiwubhiyozela ngosuku lokuzalwa okanye ngonyaka ngamnye abafundi besenyukela kwibanga elingentla esikolweni. Amava ngokuphindaphindana kwezinto okungenasiphelo asifundisa ngokubaluleka kosuku ngalunye, iiveki, iinyanga, nokungena kuphunywa emasangweni esikolo zizizukulwana ngezizukulwana zabafundi minyaka le.

Kubafundi, ukuvulwa kwezikolo kubonisa ukulandelelana kweentsuku ngenxa yeenguqu ezihambelana nokuba kwibanga elitsha esikolweni. Kubo kubonakala ngesikhundla esitsha emabaleni ezemidlalo.

Kubazali neetitshala, ukuvulwa kwezikolo kuhambelana nokuphindaphindana kwezinto okuquka ukuthenga iimpahla neencwadi zabafundi okanye ukwamkela abafundi abatsha esikolweni.

Minyaka le, indawo yomntu ngamanye iya ngokucaca kulo mfanekiso wenkqubela ephindaphindanayo. Ukubona isizukulwana esitsha sisiyokuvula izikolo kuza neenkumbulo kwisizukulwana esingaphambili zokuba, njengoko abafundi beli xesha bethabathe indawo yabanye, baza kukhula badlulele phambili belandelwa ngabanye kwiminyaka ezayo. Oko kukwasikhumbuza ukuba nabazali babo baza kuthabatha indawo yabanye abadala kunabo, babe ngoomakhulu nootamkhulu, bakhule de bafike engcwabeni.

Ngoko ke, ukuvulwa kwezikolo lixesha elifanelekileyo lokuzikhumbuza ngokuba owona ndoqo kukwenza konke okusemandleni imihla ngemihla ukuxhasa abafundi neetitshala nabo bonke ababandanyekayo.