Ukuvuseleleka kwesiXhosa kuthweso lwezidanga eNMMU!

Kutsha nje ndibe nethamsanqa newonga elingathethekiyo lokumenyelwa kumsitho wothweso lwezidanga lwabafundi beAthsi kwela ziko lemfundo enomsila liseBhayi, nelibizwa ngokuba yiNelson Mandela Metropolitan University (NMMU, ngamafutshane).

Oku kuzimasa kwam lo msitho bekusukela kwintsebenziswano noogxa bam abebethweswa izidanga zobugqirha kuloo msitho.

Ibintle into ebiqhubeka apho, ndanga ndiyaphupha. Bendichwayitiswa nakukuba aba gxa bam bebethweswa izidanga zobugqirha-lwazi kufundo-nzulu nakuphando olugxile kukhwenco lwemiba ephambili kulwimi nakwinkcubeko yesiXhosa. Enye yezinto endenze ndazingca kakhulu ngokuba ngutitshala wesiXhosa lithemba lokukhula nokuphuhla kwesiXhosa endilibone kulo msitho.

Okokuqala, kumasebe amaninzi eelwimi kwiiyunivesithi ezininzi, kunqabile ukubona loo macandelo ekhokelwa ngumntu ongumama ontsundu. Isebe lesiXhosa laseNMMU libhexeshwa ngumama uGqirha-lwazi uLinda Kwatsha-Nkukhwana ebambisene noNjingalwazi Saule noGqirha-lwazi Z Made, kwaye kuyacaca ukuba umsebenzi wale nkokhelikazi neqela lakhe mhle, kwaye ugqwesile.

Nditsho kuba ngaphandle kwezi zidanga zobugqirha zine zesiXhosa ziphume kwisebe labo, bamalunga ne-15 abafundi abebethweswa izidanga zeeOnazi neeMastazi zesiXhosa kulo msitho, nto leyo efuna ukunqaba oku kwezinyo lenkukhu kumasebe esiXhosa kwezinye iiYunivesithi.

Okwangoku iiYunivesithi ezitshotsha entla ngokwamanani abafundi abakhetha ukuphanda nzulu ngesiXhosa kuyacaca ukuba zezi zalapha kowethu eMpuma Koloni!

Kulo msitho bendiwuzimasile, kuye kwatshila isiXhosa kuba bobane abo Gqirha-lwazi bebewongwa, ibingamaqobokazana akwantu, iintombi zohlanga lwamaXhosa. Mandiyibeke icace ke eyokuba kubo bobane aboo Gqirha-lwazi bebewongelwa ukufunda banzi nokuphakamisa udumo lwesiXhosa, bekungekho namnye phakathi kwabo ongutata okanye umntu wasebuhlanti. Ndiqinisekile ke kodwa ukuba nawo amaxhwangusha namathole omthonyama azakuzeka mzekweni kungekudala. Zintombi zohlanga sinothulela umnqwazi, sithi phambili ngokuphakamisa kwenu ubuXhosa nesiXhosa phakathi kwezinye izizwe.

La maqobokazana endlu entsundu ebewongwa ibingala: UGqirha-lwazi Phumla Cutalele, uMaMpandla, nobewongwa ngophando lwakhe olugxile kuphicotho lwendima yepragmatiki ekuphononongeni iincwadi ezikhethiweyo zesiXhosa; UGqirha-lwazi Zandile Kondowe, uMaGatyeni, nobewongwa ngophando lwakhe kuhlalutyo nzulu lwendlela abhala ngayo ngoburharha uncwadi lwakhe uNjingalwazi uPT Mtuze; UGqirha-lwazi Pamela Khumalo, uMntungwa, nobewongwa ngophando lwakhe ngohlalutyo lwezibhalo zoyilo lukaJJR Jolobe; kunye noGqirha-lwazi Nontembiso Jaxa, uMaMthembu, nobewongwa ngophando lwakhe ngezithako zohlahlubo kwizibhalo zikaNjingalwazi uSaule. Ndiyanikhahlela ndinothulela umnqwazi zintombi zohlanga ngokuvuselela kwenu ubuXhosa. Ndinebhongo neqhayiya ngani ngokuvakalisa kwenu udumo lwesiXhosa nobuXhosa phakathi kwezinye izizwe. Ndithi huntshu, ngxatsho ke, tatalahote mthinjana wendlu kantu ngokuhlaziya iwonga nexabiso lesiXhosa ezizweni!

Sonke thina maXhosa abuthandayo ubuXhosa nesiXhosa nangenamona sithi, kakade ukwanda oku kwaliwa ngumthakathi, sithi maze ninganeli nje ekuthwesweni ngobugqirha-lwazi kwisiXhosa, koko olo phando maze nilusebenzise ekwakheni, ekumanyeni nasekuphuhliseni isizwe sakowenu! Sithi kuni, amaqobokazana angalal`endleleni yazini kunyembelekile! Siphakamiseni ngezo zidanga neentonga zolwazi isiXhosa sakowenu! Buvuseni butshotshe entla phakathi kwezinye iinkcubeko eziphezulu ngolo lwazi lwenu ubuXhosa bakowenu!

Xa ndinincoma, ndinityibela ndinikhuthaza ngokubasela idangatye lokhanyo ekuphuhlisweni kwesiXhosa, ndazi mhlophe ukuba impumelelo yenu nayo ibibaselwa ithundezwa ziinjingalwazi zenu!

Kulo msitho, inginginya ibizimasile yazisiwe ngabaqeqeshi benu kolu phando lwesiXhosa. Abo ke ngubawo uNjingalwazi N Saule, uBhayi, kunye nomama uGqirha-lwazi uL Kwatsha- Nkukwana, Aa MaMaduna!

Bawo uSaule nomama uKwatsha, isizwe siyabulela, sithi maz`enethole, nakwabanye abezayo emva kwala maqobokazana mane, maze nenjenjalo ukuze uXhosa aphile ngonaphakade, kwaye aquqe ebuyelela nakweli candelo lophando kumaziko emfundo enomsila!

Mawethu ndiyaphinda, kulo msitho wothweso zidanga eNMMU bekukhonya ubuXhosa, bekutshilwa ngesiXhosa, kwaye ubungangamsha bukaXhosa buvakele kubo bonke ababelapho. Ndithetha nawe nje imiyiyizelo nemikhwazo yesiXhosa ekhuthazayo ebisenziwa ngamaXhosa namaXhosakazi isankenteza ezindlebeni zam. Kuthe kwakungena nabasasazi besiXhosa, abasasazi boMhlobo Wenene, unkosazana uNokubonga “Blaq” Maci ethweswa isidanga sePublic Relations Management, nomhlekazi umsasazi uXolisa Yekani, nobethweswa isidanga seeOnazi (Honours) kubuNtatheli, yavakala intswahla, umzi wonke wema ngeenyawo, kungayekwanga ukuqhwatywa izandla, kuhlonitshwa ukuzinikela nokuzimisela kwalo bawo emfundweni, ade athweswe kwinqanaba eliphezulu kangako ngoku sele engaboni ngeliso lenyama, efunda ngesixokelelwano iBraille! Ndikothulela umnqwazi bhuti Xolisa, ugqwesile ngokusakha isizwe sikaNtu ngeli nyathelo lihle kangakanana!

Umphathi nkqubo, nobebambele uTshansila, umama uGqirha- Lwazi Sbongile Muthwa ekunye nomnye umAfrikakazi oyintloko yeFakhalthi yeAthsi, uNjingalwazi MJR Boswell baqukumbele ngamxhelo-mnye ngelithi:

“Mzi kaNtu, phakathi kwezitshixo zokuvula iingcango zempumelelo, asikho esogqitha imfundo!”