Ukuwa kukaloliwe kunqumamise ukuvulwa komzila

Uloliwe uphume emzileni wabangela ukunqunyanyiswa kokuvulwa kweCentral Line. Umfanekiso: Ayanda Ndamane/ANA

EKAPA: KURHOXISIWE ukuvulwa komzila kaloliwe iCentral Line osuka eKhayelitsha, usingise edolophini nanjengoko uloliwe ethe waphuma esporweni phakathi kwesikhululo saseNetreg neHeideveld izolo.


Lo mzila ubuvaliwe iiveki ezimbini emva kokuba kwadutyulwa unogada itshoba lalala umbethe kwisikhululo saseChris Hani ngomhla wesibhozo kule nyanga.


Lo loliwe ubusingise eChris Hani ubuyokuhlola ukulunga kwalo mzila ukuze kuqalise ukuthuthwa kwabakhweli. Kumoshakele amakhareyiji amane.


“Ngentseni yanamahlanje (Lwesine), uloliwe obengenabantu ngaphandle komqhubi kuphela nonogada nomphathi wengingqi (section) bebesiya kujonga ukuba ingaba umzila ukulungele na ukuba oololiwe bangaqalisa ukuhamba. Uloliwe uphequke nje emva kwentsimbi yesine ekuseni phakathi kweNetreg neHeideveld. Akukho mntu wonzakeleyo kodwa uloliwe wonakele kakhulu,” sitshilo isithethi seUnited National Transport Union (Untu) uSonja Carstens.


Unobhala weUntu uSteve Harris uthe iRailway Safety Regular (RSR) kusafuneka iphande unobangela wokuphuma kwalo loliwe endleleni. “Kubonakala ngathi kubangelwe kukubiwa kweentambo zoogesi. Iziphumo zoko zibangele ukuba unqunyanyiswe kwakhona lo mzila,” utshilo.


Bekulindeleke ukuba uqalise ukusebenza ngoLwesithathu kodwa akubanga njalo nanjengoko i-Untu nePassenger Rail Agency of South Africa (Prasa) bengafikelelanga ngethuba kwisivumelwano malunga nokhuseleko lwabasebenzi nabakhweli kwiingxoxo zabo. Bade babe bayavumelana ebusuku ngoLwesithathu.


UCarstens uthe lo nogada ebengumsebenzi wesihlanu obulewe esebenza kulo mzila kwezi nyanga zingama-18 zidlulileyo. Uthe baninzi nabakhweli ababulewe kwakulo mzila.


“ICentral Line ibifanele ukuba iqalise ukusebenza ngoLwesithathu emva kokuba iPrasa neUntu zifikelele kwisivumelwano ebusuku bangoLwesithathu ukuba kuqiniswe ukhuseleko koololiwe. Izikrelemnqa ziqala zihlasele abaqhubi boololiwe ze zinyanzele ukuba bamise ukuze bahlasele abakhweli,” utshilo.


UHarris ukhuthaze abakhweli ukuba mabancedise ukulwa ubundlobongela nokumoshwa koololiwe:  “Bonke abahlali kufuneka bashukume baqinisekise ukuba ezi ndlobongela ziyabanjwa ze zitshutshiswe yiNational Prosecuting Authority (NPA).”

“Nokuba imizila yololiwe iphantsi koPrasa okanye uTransnet yinto ebalulekileyo elizweni, ngoko ke asinakuhlala sibukele iindlobongela zimosha olona didi lwesithuthi lufikelelekayo ingakumbi kumahlwempu,” utshilo.


Umphathi weMetrorail eKapa uRichard Walker uthe: “Ukuvulwa kweCentral Line kunqunyanyisiwe emva kokuba uloliwe ephume esporweni phakathi kweNetreg neHeideveld. Ibhodi eyonyuliweyo ukuze iphande izakuza nonobangela. Ngokwangoku kubonakala ngathi konakaliswe iindawo ezithile esporweni.”