Ukuwisa uMongameli, kukuziwisa ePalamente

Ngethemba lokuba ziniphethe kakuhle iiholide zePasika. Iba lixesha likaxakeka mpela ke eli ezindleleni; sibone iingozi ezimasikizi nalapho amakhulu ngamakhulu abantu bathe baphulukana nemiphefumlo yabo.

Sithi ngxe kwezo ntsapho. Oonobangela bezi ngozi iye ibe sisantya, iimoto ezingekho semgangathweni wokuhamba endleleni, ukudinwa kwabaqhubi, abaqhubi abangenazi mpepha-mvume kunye nabo baqhube bezintyintye ngotywala. Zininzi ke nezinye izizathu. Kuyafuneka sikhuthaze ukuqhuba ngononophelo. Qho ngePasika nangeKrismesi sesiyazi ukuba kuzakubalwa inani labantu abatshabe ezindleleni. Akunyanzelekanga kube njalo.

Kwa kule mpelaveki yePasika, sibone iinkokeli ezifana noMongameli Jacob Zuma zityelela iinkonzo zishumayela izwi elithi “ndakwehla kwisikhundla sokuba ngumongameli xa nina bantu basivotelayo nisithi mandehle, hayi xa kusitsho abantu abathile!” Kwelinye icala, usekela-mongameli uCyril Ramaphosa, ebeshumayela elithi makuphulaphulwe izwi laba bantu bathile, baqhankqalazela ukuhamba kukaZuma. Sakusa eyiphi?

Kule veki, amalungu asePalamente bekumele avotela ikamva likaMongameli Zuma; ngelithi basamthemba na ukuba angakhokela okanye hayi.

Kodwa isithethi sendlu yowiso mthetho kuzwelonke, uBaleka Mbete, uvumele ukuba le voti ihlehliselwe umhla ekungekagqitywa ngawo emva kokuba imibutho ephikisayo igqibe kwelokuba mayiqale kwinkundla yomgaqo-siseko, nalapho balwela ukuba iivoti zamalungu asePalamente zibe yimfihlo kolu dabi.

Asazi ke nokuba iyakunceda bani lo nto ngoba akukho gosa le-ANC kula ndlu yowiso-mthetho elizakuvotela ukuwa kukaZuma, ngoba oko iyakuba kukuzibetha ngoba ukutshintshwa kukaZuma kwakuza nokutshintshwa kwamalungu e-ANC asePalamente.

Ngubani onokuvotela ukuphulukana nomsebenzi? Ngaphezu koko akukho mbutho wezepolitiki ovumela amalungu awo avotele into engagunyaziswanga nguSabhokhwe walo mbutho. Awawulandela umgaqo wombutho pha ungazibona ungenamsebenzi.

Ngoko ke masingalindeli ukuba iANC ivotele ukuphuma kukaZuma.