Ngamanye amaxesha isizwe esintsundu soMzantsi Afrika siyandimangalisa. Thina sizwe esintsundu singabantu abathobela yonke into eziswa kuthi ziinkokheli zethu, nokuba oko kuziswa kuthi akusikholisi.
Emva kwethuba sikwamkele oko sinunuswe ngako, xa singasakholwa siye sivukelwe yimisindo, sitshice sicaphuke. Kanti sizwe sakowethu siyikhalela njani imeko esikuyo xa siyikhethe ngokwethu?
Sisizwe esinjani esi sihlala sisamkela into nokuba ayisikholisi? Ngenxa yokuba ngoothobela sikutyele, siseza kukhala yivani ndinixelela! Ama-Afrika amandulo ayengamkeli nje nantoni na esuka kwabasemagunyeni engakhange ayicubungule ayigoca-goce.
Kutheni thina ma-Afrika enkululeko nedemokhrasi sisamkela nantoni na esiyinikwa ziinkokheli zethu eziphetheyo, nokuba oko sikunikwayo kuseyelisela emhadini wentshabalalo?
Kutsha nje amafama oMzantsi Afrika uphela, ingakumbi lawo ohlanga lwasemzini, aye avuka umnyele emva kokuthi gqolo kokugetyengwa koogxa bawo.
Ndicela sivumelane mabandl’akowethu ukuba ukugebenga nokugwinta omnye umntu lityala elingaxolelekiyo kuQamata nakwizinyanya zethu.
Ukugetyengwa kwamafama akuchaphazeli nje uqoqosho lweli lizwe, lizwe elo sele lintyumpa-ntyumpeka ematyaleni nelambethwe yindlala ebomvu, koko kusahlula kubini isizwe, kwaye oku kubuyisela esi sizwe umva.
Ngenxa yobu bugwinta uhlanga lwasemzini olungamafama luzibona lungakhuselekanga, kwaye luzimisele ukwenza nantoni na ukuqinisekisa ukuba akuphindi kufe omnye umfama kwakhona.
Uloyiko lwam kule nto kukuba mhla lakhululeka kwingcinezelo eli lizwe, kwagunyaziswa ukuba kubuyiselwe zonke izixhobo zokulwa ezinjengemipu kwabasemagunyeni.
Ikho kodwa into endixelelayo ukuba asinguye wonke umntu owenza ngokwaloo myalelo, kangangokuba kungathi xa kunokuthiwa kuqala imfazwe yobukhaya kweli lizwe, bambi kubemi beli lizwe bangaxhoba bafe amacala, kugetyengwane kuphele kuthi tu!
Nalapho elam lithi, ingathi ukuzenza oku, akufani nokwenziwa. Kumanyano lwamafama nakumgcelele wawo bekuphephezeliswa iflegi karhulumente wengcinezelo.
Amanye kula mafama awoyikanga ukuyithetha phandle into yokuba loo flegi ayazingca ngayo, kuba yiflegi esisiqinisekiso semveli yawo, ngamanye amazwi, azingca ngemveli enxamnye nokucinezelwa kabuhlungu komntu ontsundu.
Xa kunokuchazwa ubume bale flegi, yile yayinombala oluhlaza okwesibhakabhaka; umbala o-orenji nombala omhlophe, mibala leyo iyeyekomkhulu lama-Afrikaner namaDatshi iNetherlands.
Kumbindi wale flegi kwakukho iflegi yamaNgesi aseBhilitane iUnion Jack, Ngilane leyo njengeNetherlands zafika kweli lizwe zalilawula ngendluzula yobukoloniyali.
Amafama asemzini ke athi ayazingca ngeflegi engumqondiso wokulawulwa kweli lizwe ngendluzula ngamazwe aseYurophu. Makhe sizibuze ke maXhos`amahle ukuba kutheni la mafama asemzini engoyiki ukuphephezelisa iflegi elolu hlobo esidlangalaleni?
Kutheni la mafama engenaxhala lokujongana nengalo yomthetho ngokudelela umgaqo-siseko weli lizwe ongakuvumeliyo ukuphephezeliswa kwale flegi kwiindawo zoluntu nasesidlangalaleni?
Impendulo yam kule mibuzo isathi, inene ukuzenza akufani nokwenziwa! Mawethu iinyani mazithethwe kwaye xa zithethwa kungacengwa solala phi!
Leliphi mawethu ilizwe kwihlabathi jikelele, elakhe lathi xa likhululeka kumatyathanga obukhoboka nengcinezelo, laqhubekeka libuka kwaye lisebenzisa imiqondiso yabacinezeli?
Kumazwe akhululeka kubukhoboka nengcinezelo phambi kwethu bantu bantsundu eMzantsi Afrika, amazwe afana neGhana kaKwame Nkrumah; iZambia kaKenneth Kaunda; iCape Verde ka-Amilcar Cabral; iBurkina Faso kaThomas Sankara; iZimbabwe kaRobert Mugabe; iAngola ka-Eduardo Dos Santos namanye amaninzi, uMzantsi Afrika kuphela kwelizwe elingazange libone nto igwenxa ekubandakanyeni inxenye yomhobe wabacinezeli uDie Stem, kumhobe wesizwe wenkululeko nedemokhrasi.
Ingaba ngenene sakhululeka xa sisaqhubekeka sisebenzisa oko kwakusitshutshisa ngethuba localu-calulo?
Kaloku uDie Stem yayingumhobe wabo bangama-Afrikaner kuphela, kwaye xa usiya kwiindawo ahlala kuzo ngobuninzi ama-Afrikaner, kuquka nakwimidlalo yeSpringboks, umhlathi kaDie Stem ngowona uculwa ngokuvakalayo ngabantu basemzini kunale mihlathi yeelwimi zesintu.
Ukuba ubani uthi akakuqapheli oku, lowo ufana ngokuthi ufe ephila! Phofu besilindele ntoni xa kwanemithetho elandelwayo kweli lizwe iquka neyexesha lengcinezelo, umzekelo, ufike kukhalwa ngoo-Appropriation Act of 1990! Kutheni kunjalo?
Elam lithi iinkokheli zethu mhla kwaxoxwa ngendlela inkululeko eza kuhamba ngayo, zaze zavumelana ngokubandakanywa kwezinye zeentsika zabacinezeli kwinkqubo yelizwe lenkululeko, kwakumele ziqonde nokuba ezi ziganeko zokuphephezeliswa kweflegi yengcinezelo, ziza kwenzeka kwaye aziyi kubonwa njengento egwenxa.
Nathi ke ngenxa yokuhlonipha iinkokheli ezazithunywe sithi, ukuba phofu zazithunywe sithi, sathi sakuxelelwa okuza kwenzeka savuma samkela, asizange sibuze, kodwa ngoku siyakhala. Kusekusasa niseza kubona!
Ndithi kuni yaba sisigqibo esingachanekanga nesinokulahlekisa esi sokuquka uDie Stem wengcinezelo phakathi kwemihlathi kaNkosi sikelel`iAfrika wenkululeko! Siyathanda kakhulu ukucenga nokuvisa abantu kamnandi nokuba akunyanzelekanga.
Iseza kuphephezeliswa le flegi kuba umhobe eyayihamba nawo sawubandakanya kwinkqubo yezwe lenkululeko, ngenxa yoku, asinakukhala kuba kakade ukuzenza akufani nokwenziwa!
Ngamaziko olwazi kuphela anegunya lokuvelisa ulwazi?