Ukuzinikezela ekukhuliseni ishishini leentsimbi

Ukuba uthetha ngenkuthalo, ukuzinikela nobuthandazwe uthetha ngoPumzamathole Tsengwa. Inkuthalo yakhe uyibona kumsebenzi wakhe wokuhlohla iintsimbi nathi ayenze ngocoselelo nothando.

Lo kaTsengwa wazalelwa eFort Malan kwisithili sakuGatyane apha eMpuma Koloni, engowesithandathu kwisixhenxe salowo wayenguMphathiswa wemicimbi yoo- Rhulumente bamakhaya uHerbet Bulwana Tsengwa kwiphandle elalisaziwa njengeTranskei.

“Ndakhula ndingu- mntwana ondwebileyo kakhulu nondwebele ukwazi izinto ezibalulekileyo nezenzeka ngayo. Ndaya ndasungula iqela lamakhwenkwana elalibizwa iBad Boys nelalizibalule ngemixhentso yesiNtu kanye nezicathamiya njalo-njalo.

“Ukanti ecaleni lalikho nelamantombazanana elalibizwa iGo-Go Girls, nalo lisenza imidaniso nemithambo yalo eyayijolise kwisingqi sesiNtu. La maqela ayethi enze le mixhentso kumatheko nasemitshatweni yesiNtu. Ngokuzibandakanya neziyunguma ezi lolu hlobo lwabe ke luyazalwa uthando lwam lokuphotha iintsimbi noxa lalungekaphuhli kuyaphi,” utsho okaTsengwa.

Uluchaza uthando lwakhe lweentsimbi njengento ayenzayo ngothando, nobizo hayi umsebenzi. “Ngelixa bendixelenga kumzi wezimali (National Treasury) ePitoli ngexesha ndisemsebenzini ndibe ndixakekile ndenzele ogxaa bam endisebenza nabo befuna ndibathengisele. Kwakufuneka ndicinge ixabiso lazo ndingacinganga

ngoba ndandingazenzeli kuzithengisa, ndandizenza nje ngenxa yothando. Ngalo ndlela labe ke ishishini * -Uhlume Projects liyazalwa” uqhube watsho uTsengwa.

U-Uhlume Projects lo uneminyaka emine eqhuba, kwaye mihla le uyakhula kuba wenza nezinto-yinto eziquka iimpahla, oomendlalo bebhedi, amalaphu etafile, amalweyile eefesitile kunye memiqamelo nemiqamelwana erhaselwe ngentsimbi.

“Ndifumana inkuthazo kunyana wam uElam’iliwa, kwendizalwa nabo, umama wam uMakhwayi-khwayi kunye nezinto ezintle eziluphawu lwenkcubeko ezindigqongileyo kuba ndiyayithanda ifashoni nemihombo emihle”. Namhlanje sijolise ekwenzeni ushishino nabantu abaninzi kuquka nabemi bangaphandle kuba ezi ntsimbi ziluphawu lothando inkcubeko nokholo lwemveli ezahlukeneyo zoluntu lwase -Mzantsi Afrika. Ezi ntsimbi zikwasibizela abatyeleli kweli lizwe lethu lihle kangaka.

Ukanti lo kaTsengwa uthi kwiminyaka embalwa ezayo ufuna ukuvula isikolo senkcubeko nalapho azakuthi afundise ulutsha ngezinto ezininzi nezintle eziphawula inkcubeko. Amava am obutishalakazi aza kungena apho ke ngoku ngamandla enongwe luthando lwenkcubeko kaNtu,” uququmbele ngelo okaTsengwa. Ekwabamnkela bonke abanoncedo lokuphuhlisa lo mbono uqaqambileyo uye phambili.