Ukuzithanda kuzala ithamsanqa!

Ndiselityendyana lomfana owayefunda kwesa sikolo sigqwese ngokuvelisa amaqhawe, amaqhawekazi neengqondi, iJongile Nompondo, kula mhlaba waseCumakala, ndazuza uthando lwesiXhosa, ukuzithanda njengomXhosa kwanokuzingca okungathethekiyo ngembali yethu maXhos`amahle!

Ndithi mandibambe ngazo zozibini kubo bonke abafundisi-ntsapho beso sikolo saseJongile Nompondo, ingakumbi kubahlohli bethu besiXhosa abafana nomama uGqokoma, kwanomama uShoba ngelo xesha!

Imbewu enayityalayo kuthi bafundi benu, yiyo ebangele ukuba sibe kwezi ndawo sikuzo namhlanje, ingakumbi kuthi balandele ekhondweni lenu, ikhondo lokufundisa isiXhosa.

Ndikhumbula mhla ndandiza kuphuma ekhaya ukuya kuqalisa izifundo zam kwela ziko lemfundo enomsila leNtshona Kapa (UWC), usapho lwalukho lonke, oontanga-ndini kunye nabamelwane babephume bonke.

Kaloku ngelo xesha ukuphuma komntwana esiya eyunivesithi yayisakuba yinto enkulu nethakazelelwayo, kuba kaloku apho aya khona kulindeleke ukuba amele le ndawo asuka kuyo, ukuze naloo mfundo ibe negalelo kubahlali bendawo akhulele kuyo, nakwisizwe ngokubanzi.

Umbuzo owaphuma kwiphakathi lenkosi yamaMbalu, nowawujolise kum wawusithi: “ Uneenjongo zokufundela ukuba yintoni ke nyana?” Ndiphakamile ndinika umhlekazi imbeko emfaneleyo, ndamjonga ngqo emehlweni, ndancuma, ndalikhupha litsola elithi, “ndifundela ukuba ngutitshala wesiXhosa bawo!”

Ngoko nangoko kuye kwathi cwaka, kwayiwana ngamehlo, bambi bethethela phantsi, ndaliva nexhegokazi uLegina lisithi, “haybo mntanam, ungathini ukuphumelela ngeyeza lasemishini (exemption) wakugqiba uye kuba ngutitshala wesiXhosa? Baleka nabanye besithi, “bukho nje ubugqwetha, ubulimi, ubunjineli, ubugqirha, uxakwe yintoni na lo mfana?”

Ndisancume ndinjalo, xa kanye ndiza kuphendula ndiza kuthi, ezona njongo kukuba ndaleke ekukhuliseni ukuzithanda kwethu maXhosa, ngokufundisa umlisela nomthinjana wakowethu ukuba uxabise kwaye uthande isiXhosa, ladanduluka ixhego lisithi, “nyana, ndiyayizibula ingcamango efana nale uza nayo, ngoku kuvakala amahum-hum ingqondo yam iyabhadula icinga ngobukrele-krele nobuqhawe boovulindlela besiXhosa abafana noMzima into kaMqhayi; uRhanisi kaSiwisa; uBhokhwe; uJolobe; uTshobisa kaMtuze; uBench kaMkonto; uNontsizi intombi kaMgqwetho; kwekhu, ndingabala kuse! Maze nincede mntanam nomelele, nibe nenzondelelo, kuba ukufunda nzulu ngolwimi lwakho, kwilizwe elingaliboniyo ixabiso lolo lwimi, kungangumsebenzi onzima, kodwa ngengqiqo efana nale yenu, ithemba likhona, ithemba lokuba kwakukhula ukuzithanda kwamaXhosa ngokuthi athande ulwimi lwawo kwanenkcubeko yawo, ukuze kwakuba njalo, isiXhosa nobuXhosa bethu, ziphile ngonaphakade!”

Ithe yakutsho le nkonde, ndababona abo bebengakholwa betyhileka ebusweni, ndababona abo bebefuna ukunyemba besitsho ngoncumo olugoso! Bambi kubo batsho ngazwi linye besithi, “inene le nto ukuzithanda nokuzixabisa, ngunozala wethamsanqa!”

Ndawabamba onke amazwi awayephokoka apho, kuquka neziganeko zolo suku lokuthi “ndlela-ntle sityudakandini!” Mawethu, mzi kaNtu, mlisela nomthinjana wakowethu, ndikholelweni xa ndisithi,

“AYIKHO INTO EMNANDI UKOGQITHA UKUFUNDA NOKUFUNDISA ULWIMI LWAKHO LWENKOBE!” Mabandla kaTshiwo, ubukhulu becala ufumanisa ukuba thina maXhosa okanye thina ma-Afrika, kuhlala kuyinto eyamkelekileyo ukuba sifundiswe zezinye izizwe ngolwazi, kangangokuba ezo zizwe zingoyiki nokufundisa kwathina aba ngobuXhosa nangobu-Afrika bethu!

Umzekelo, imbali ezikolweni ukuya kuma kumaziko emfundo enomsila, igxila kakhulu kwimbali yaseYurophu, kwaye okuthethwa nge-Afrika akuphelelanga ekubhalweni ngolwimi lwasemzini kuphela, koko ababhali abaninzi ikwangabo basemzini, nabathanda ukuveza okubi nge-Afrika!

Ukuthanda isiXhosa nokuzingca ngaso, kukuthanda ubu-Afrika nokuzingca ngabo. EsiXhoseni kufundwa okubhalwe ngababhali abangamaXhosa, kwaye kukhokelela ekugqithiseni iingcamango zabo babhali ngobuXhosa, ngesiXhosa nangokugcinwa kobuntu bethu! Xa kunamhlanje, ngenxa yokuzithanda, ngenxa yokufunda banzi ngesiXhosa, ndingomnye wabo banelunda lokufundisa isiXhosa kubafundi bakowethu, nakwabo abasuka kwezinye izizwe nabathetha lwimi zimbi!

Ndingomnye wabo bamenyelwa ukuya kufundisa iindwendwe zamazwe aphesheya ngolwimi lwethu, ngenkcubeko yethu, nangemveli yethu!

Ngokuzithanda nokuthanda isiXhosa sakowethu, ndicinga ukuba andifani nabo baya kuthi ukuze bazi, bafundiswe ngabangeneleli kwizwe lakowethu, nangabo basuka kumazwe ayeze kuthatha bonke ubutyebi bethu, koko mna ndithatha izizukulwana zaba bacinga ukuba bazi ngaphezu kwethu, ndizifundise isiXhosa esimnandi nesityebe kakhulu, ndibafundise ngesizwe kaNkosiyamntu, kwaye bambi kubo, ubeve bezama kangangoko ukusithetha isiXhosa ngokuzimisela, bandiqwele ngokuba nomdla wokuhlala nathi maXhosa, ngenxa yokubona ubuhle nokuchubeka kohlanga lakowethu!

Kuni nonke bootitshala besiXhosa, boovulindlela besiXhosa, nakuni matsha-ntliziyo esiXhosa, kwezezulu iincwadi, ugqatso sele nilufezile! Kumanyange alele ukuthula, nina nonke nizizithwalandwe!