Ukwenda komhlolokazi

Ngokwemithetho yakokwethu nangokweyeentlanga nezizwe neenkolo ezahlukeneyo, umfazi ubophelelekile endodeni yakhe ngethuba isaphila. Ukutsho oko akanakwendela ndodeni yimbi isaphila indoda yakhe, nokuba akasahlali kunye nayo na.

Nokuba uthe wenda, nokuba kungasiphi na isizathu, uhlala engumfazi wendoda yakhe yokuqala kwaye nendoda emzekayo izeka umfazi womntu.

Yakufa ke indoda yakhe ukhululekile umfazi wayo ukuba angendela kwayithandayo indoda, ukuba ukhetha njalo.

Lowo ke nguMthetho wethu. EBukristwini ke lo Mthetho ubophelela indoda nomfazi, uthi bobani umfazi nendoda ukuba uthi omnye kubo azeke okanye ende omnye esaphila, lowo wenjenjalo uyakrexeza.

Le ndawana ke indikhumbuza icebiso endaka ndalinika umfo womntakwethu xa wayefuna ukuthatha umfazi wesibini ekwahlukaneni kwakhe nowokuqala.

Wathi akufuna ukuqonda kum, ndathi ayilungile leyo nto, makaphuthume umkakhe. Uthe akuqhankqalaza efuna ukuba mandikholiswe ngumnqweno wakhe ndathi makabulale lo wokuqala umfazi, ukuze akhululeke kwisibophelelo eso.

Ndithe ndakutsho wajala, kwamcacela ukuba elona ndithi lelilungileyo kukuba aphuthume umkakhe. Imamalatile!

Apha esilungwini esafakwa kuso nguMgaqo-siseko, akukho mntu ubotshelelweyo kumtshato wakhe. Wakukukruqula uyawuqhawula uqale omtsha ukuba uyathanda, ihambe ivangeli yobudikazi nobunomgcana!

Ekufeni ke kwendoda, enokuba umfazi wayo ukhetha ukuwushiya na umzi okanye awume, kodwa uyakhululeka. Ukuba ngumfazi okholisayo phakathi kwekhaya, mhla ayalwayo ngobuhlolokazi bakhe likhaya uxelelwa ezinkonkqeni ukuba nokuba uthe wazala umntwana emva kwendoda yakhe, lowo mntwana uya kuba ngowekhaya akayi kuba ngumgqakhwe. Akabi ngumgqakhwe umntwana ozelwe enkululekweni yomfazi. Ngokuthetha ngolo hlobo ke ikhaya sukube libonisa umnqweno walo wokuba aqhube nokugcina umzi kwanokuba uya kuhlala engumfazi welo khaya ukuba ukhetha ukuhlala.

Abafazi abafelwa ngamadoda sele beme imizi yabo ke abadli ngokuyishiya imizi yabo, badla ngokuhlala. Nenkqubo yethu ke ikhuthaza ukuba bahlale ukuze umzi lowo ube nomnini, nabantwana bakhuliswe ngendlela yekhaya bangakhuleli esithubeni okanye kulonina ikhaya likhona.

Umtshakazi ke yena noko ukhululwa ngokuphandle ukuba ayo kuziqalela mzi wumbi nanjengoko ikhaya sukube lingekabi nanto ingako liyixhome kuye kwaye lisazi ukuba liya kuba noko alenzi bulungisa ngokufuna ukumgcina.

Neenkomo zomtshakazi okhululweyo ngokubhujelwa yindoda azibizwa, ziphelela apho kokwabo.

Kuyo yonke ke le nkcaza ndandlala yona, ndibone izinto noko ezingaginyeki kamnandi xa athe wenda umhlolokazi, bobani umtshakazi nemazi endala.

Imihlola esele ndiyibonile ke ngamanyala endlala nokunyoluka nokuthanda injezu.

Ndibone imihlola mna apho athi akube ewushiyile umzi umhlolokazi lowo ze wendela ndodeni yimbi, asuke anganyali ukuthi kwakuvela amaqithiqithi egameni lomfi awafunele kuye, kanye ngeli xa sele endele ndodeni yimbi.

Ukanti namaqithiqithi avela apho endele khona okwesibini nawo awafunele kwakuye.

Ndibone imihlola mna efana nokuba kuthi ukuba kwenziwa isikhumbuzo sendoda yakhe yokuqala, lo mfazi abekhona kwaye abenebango ngezinto athi zimfanele njengomfazi waleyo ndoda, ukanti naxa kusenziwa eseyendoda yakhe yesibini nalapho abekho! Ndaza ndakuva zwindini! Kanti ngumfazi wasemanini na lo?

AmaXhosa abe ekukhusele ke ukwenzeka kwehlazo elinje, ngokuthi amkhuthaze ukuba ahlale emzini wakhe umhlolokazi, nangokuthi umtshakazi amkhulule amlibale nelobolo yakhe ukuba kungaze kuphinde kubekho nto imdibanisa nelo khaya.

Ukunyoluka namanyala kwayitshabhisa ke loo nto. Goba msenge iibhokhwe zikutye!

Owenu kwisiXhosa, Nxuba.