Ukwenyuka kwenani lamapolisa azibulalayo kuyaxhalabisa

EKAPA: IGUN Free South Africa neSouth African Policing Union (Sapu) ziyavutha ngumsindo, besithi ukwenyuka kwenani lamapolisa azibulalayo kuyoyikisa emva kokuba uSajini Granville Brooks obezinze kwisikhululo saseKapa ebulele isinqandamathe sakhe, umama waso phambi kokuba azidubule eLentegeur ngoLwesine weveki ephelileyo.

Kungoku nje, iGun Free SA ithi urhulumente makaqinise imithetho elawula ukusetyenziswa kwemipu.

IGun Free SA neSapu bakwacela urhulumente ukuba axhase amapolisa ngothuthuzelo lwasengqondweni ukuhlangabezana nale meko.

Unobhala weSapu uOscar Skommere uthe: “Ukwenyuka kwenani lamapolisa azibulalayo kuyothusa kwaye kufuneka kuphandwe ukuze kubonwe ukuba kungatshintshwa ndawoni ukusombulula le ngxaki.”

KweyoMdumba, ipolisa laseKensington elalingekho msebenzini lazidubula lazibulala.

Kulo nyaka uphelileyo kweyeNkanga, elinye ipolisa nalo elalingaphangelanga elalizinze kwisikhululo saseKapa lazidubula lazibulala kwindlu yangasese esikhululweni.

UAdele Kirsten weGun Free SA uthe: “Kukho imiceli-mngeni malunga nemithetho ekhoyo elawula ukusetyenziswa kwemipu. Urhulumente makaphucule imithetho malunga nemipu ekuvunyelwa ukuba amapolisa mawagoduke nayo. Siyawuqonda umsebenzi owenziwa ngamapolisa-nto leyo ebangela sicele ukuba baxhaswe ngothuthuzelo lwasengqondweni.”

Isithethi sePolice and Prisons Civil Rights Union (Popcru) uRichard Mamabolo uthe kudala bayiveza le nkxalabo yokuzibulala kwamapolisa.

Uthe amapolisa amaninzi aneengxaki ezibangelwa zizehlo zezivubeko (post traumatic stress).

“Ezi ngxaki zibangelwa zimeko abasebenza phantsi kwazo. Yiyo lo nto kubalulekile ukuba baxhaswe ngokwasengqondweni,” utshilo.

michael.nkalane@inl.co.za