Ukwenza imithambo ebusika

Sonke siyafuna ukuba nemizimba emihle nebukekayo ukufika kwehlobo, kwaye sifuna ukuba nomzimba osempilweni nokuba namandla okwenza umsebenzi wethu ngendlela efanelekileyo.

Kodwa, nangona sineminqweno emihle ngemizimba yethu, kunzima kwisininzi sethu ukuba siyilondoloze kakuhle ukuze sifumane iziphumo ezihle. Uninzi lwexesha sitya ukutya okutyebisayo, size singawenzi umthambo wemihla ngemihla, emva koko sichithe ixesha elininzi sihleli phantsi.

Kangangento yokuba, izifundo zibonisa ukuba lingaphezulu kwe 57% eMzantsi Afrika inani labantu abaphila ubomi ngaphandle kokwenza imithambo, kwaye lo nto yenyusa izinga labantu abatyebe ngokugqithiseleyo. Kwaye ngokokutsho kwezifundo ezenziwe yiWorld Health Organisation, uMzantsi Afrika lelona lizwe linabantu abonqenayo emhlabeni jikelele. Ngoko ke, umbuzo mnye ngulo, ubani angawufezekisa njani umnqweno wokuba nomzimba omhle nosempilweni? Ingcebiso eqhelekileyo, nefumaneka kumaziko ezempilo kukuba wonk’ubani umele enze umthambo yonke imihla, kwaye kubalulekile ukushukumisa umzimba.

Ngoba? Okokuqaqla, ukwenza umthambo nokushukumisa umzimba yonke imihla kugcina umzimba usempilweni ngoba kuqinisa amajoni omzimba. Okungakumbi, ukwenza umthambo kuthumela umoya ococekileyo kwimiphunga nakwizisele zomzimba ngokuthi ubalekise igazi, kwaye oku kuphumela ekubeni umzimba ukhuseleke kwizifo ezininzi.

Okwesibini, ukwenza umthambo imihla ngemihla kuwumilisa kakuhle umzimba, ukwazi ukubukeka, aze nomnikazi wawo azingce ngawo. Kwaye ngenxa yokuba umthambo ubalekisa igazi, oku kunceda ekugcineni umzimba ushushu ebusika, kuze kugxothe neengqele eziqhelekileyo. Ngaphezu koko, ukwenza umthambo kukhusela nakwezinye izifo ezifana neswekile, isifo sentliziyo, imihlaza ethile kunye nestroke. Yiyo lo nto abantu abenza umthambo imihla ngemihla bengafane bagule.

IINGCEBISO NGOKWENZA UMTHAMBO EBUSIKA

Ngoko ke, kuyabonakala ukuba ukwenza umthambo ebusika kunengenelo ezininzi. Kodwa ke, mhlawumbi uyazibuza ukuba, ndingakwazi njani ukwenza umthambo ebusika kubanda kangaka?

Nazi iingcebiso ezimbalwa ezizakukhuthaza ukuba ube nomdla wokwenza umthambo kobu busika, wenzele nokuba ube nomzimba omhle nobukekayo xa kufike ihlobo.

Ngoba lona lizakufika kungekudala. Kwaye, uzakufuna ukunxiba izigcebhezana noo shoti bakho ungenaxhala lokufihla umkhaba neenyama ezityebileyo.

Nanga ke amacebiso angakunceda:

Nxiba Shushu: Eyona nto yenza abantu ukuba bonqene ukwenza umthambo ebusika kukoyika ingqele nokugodola. Yiyo lo nto kubalulekile ukuba woleke impahla eshushu xa uzakwenza umthambo, ugqume iindawo ezigodolayo njengee ndlebe, iingalo, izandla kunye nemilenze. Ukuba unxibe shushu, uzakukwazi ukonwabela ukwenza umthambo, kwaye uzakube uloyisile utshaba lokuqala lokonqena.

Zishushubeze: Kubalulekile ukuba uqale wolule umzimba ngaphambi kokuba wenze umthambo. Oku kukunceda ekubeni ushushubeze amalungu omzimba, kwaye kuvusa nengqondo yakho kuyilungiselele ukwenza umthambo.

Sela Amanzi: Xa usenza umthambo uye ubile, okuthetha ukuba umzimba uye ulahlekelwe ngamanzi. Ngoko ke, kubalulekile ukusela amanzi emva kokuba wenze umthambo, kangangentokuba, amaziko ezempilo acebisa ukuba wonk’ubani umele asele iilitha ezimbini zamanzi ngosuku ukuze ube sempilweni. Kwaye, ukusela amanzi kukhusela ukuba ungophuki okanye ukruneke, ngoba amanzi agcina amathambo ethambile, kuze kube nzima kengoku ukuba ophuke xa usenza umthambo.

Zonwabise! : Lenze libe nomdla ixesha lokwenza umthambo ngokuthi udlale umculo owuthandayo uze uhlale uzikhumbuza ngosukelo lwakho ofuna ukufikelela kulo. Oku kuzakukhuthaza ukuba uzinikezele nangakumbi. Kodwa eyona nto ikhuthazayo kukubona iziphumo ezihle zokwenza umthambo rhoqo, ezifana nokuba uzive unamandla nomdla ngobomi, nokuthi ube nempilo entle ukhuthazeke ebomini.

Ngaphezu koko, uzakukwazi ukuqhayisela oogxa bakho xa kufike ihlobo, ngoba njengokuba kusitshiwo, imizimba yasehlotyeni isetyenzelwa ebusika. Ngoko ke, yiba kwiqela labantu abazakuba nehlobo elimnandi nelonwabisayo ngokuthi uwukhathalele umzimba wakho wenze umthambo rhoqo kobu busika!

Okokugqibela, ukuba ufuna ukwazi ukuba zeziphi intlobo zomthambo onokuzenza ebusika, buya kwakhona kwiphepha elilandelayo kwiveki ezayo, apho sizakube sicebisa ngeendlela zokwenza umthambo ezilula nezenza umdla ngoba zizakunika imiphumo oyifunayo ngexesha elililo.