Ukwiintsuku zobunzima okokuqala uMani

NgoLwesibini ngorhatya kule veki, owafunyanwa yiNkundla yaseMonti enetyala lobuqhetseba emva kokuba wangenelwa yimali kwiakhawunti yakhe “ngempazamo” uSibongile Mani, ubhale into echukumisayo kwikhasi lakhe lonxibelelwano uFacebook.

Esithi: “Ngamanye amaxesha nathi thina bantu baqinileyo liyafika ixesha lokuba ube buthathaka kodwa siza kuphakama.”

Oku kuza emva kokuba ethe waquleka phantsi phambi kwabantu ngoLwesibini kule veki okokuqala ngqa wathi wavelelwa leli shwangusha letyala.

Uqhubekile watyatyadula kwikhasi lakhe esithi kwiminyaka emithathu edlulileyo ngomhla wama22 kuMatshi 2018, wabhala ukuba ‘kuseza kubanzima’. Ngenene ngoLwesibini ibingumhla wama22 kuMatshi 2022, suku olo ibisisikhumbuzo sento awayeyibhalile.

“Namhlanje ibilusuku olunzima kum ndibuthathaka, ndaphela ndiquleka phambi kwabantu okokuqala ngqa. Ngamanye amaxesha nathi bantu abaqinileyo liyafika ixesha lokuba ube buthathaka kodwa siqhubekeke,” ubhale oko uMani.

Abaxhasi bakhe kweli khasi bamnike amazwi enkuthazo, bemomeleza besithi angapheli mandla kuba banaye ngamaxesha onke kwesi simo ajongene naso.

UMani ngumfundi kwiyunivesithi iWalter Sisulu eMonti. Ulindele isigwebo awuthi anikwe sona yiNkundla yaseMonti ngoLwesibini umhla wama29 kwiveki ezayo.

Kwathi kwafakwa imali elishumi elinesine lezigidi (R14m) endaweni yokufakwa kweR1,400 neyinkxasomali yokufunda kwiakhawunti kaMani, ifakwa yiNSFAS ngo2017. Emva koko waye wajongana nengalo yomthetho exoxa engaphandle, emva kokubhaqwa kwakhe ukuba wayisebenzisa le mali kwaye wayisebenzisa gwenxa.

Iqumrhu labafundi eWSU lona lisamile kwelokuba akanatyala uMani, makutshutshiswe nabo babefake ” ngempazamo” imali kwiakhawunti yakhe.

UMongameli weSRC, uBathandwa Mangisa, wadiza phambi kwenkundla ukuba ingalo yomthetho ayibalweli bengabafundi. Esithi bafuna ukubona kutshutshiswa nabafaki bemali kwiakhawunti kaMani.