Ukwimeko ezinzileyo uMadikizela-Mandela

UMongameli weli uJacob Zuma unqwenelele impilo entle kumakhwekhwetha womzabalazo, uWinnie Madikizela Mandela.

UMadikizela-Mandela, owayesakuba yinkosikazi kaNelson Mandela, ungeniswe esibhedlele kwiintsuku ezimbalwa ezidlulileyo emva kokukhala ngokuqaqanjelwa ngumqolo.

Kukwavakala ukuba nesifo seswekile sikaMadikizela-Mandela, naso sikwangunobangela wokulala esibhedlele.

Kwimbalelwano uZuma uthi, uMadikizela-Mandela ukwimeko ezinzileyo. UZuma ubongoza uluntu lweli lizwe ekubeni lubeke emithandazweni lo mama kwakunye nosapho lakwaMandela ngeli xesha lobunzima.