UMongameli weli uJacob Zuma unqwenelele impilo entle kumakhwekhwetha womzabalazo, uWinnie Madikizela Mandela.
UMadikizela-Mandela, owayesakuba yinkosikazi kaNelson Mandela, ungeniswe esibhedlele kwiintsuku ezimbalwa ezidlulileyo emva kokukhala ngokuqaqanjelwa ngumqolo.
Kukwavakala ukuba nesifo seswekile sikaMadikizela-Mandela, naso sikwangunobangela wokulala esibhedlele.
Kwimbalelwano uZuma uthi, uMadikizela-Mandela ukwimeko ezinzileyo. UZuma ubongoza uluntu lweli lizwe ekubeni lubeke emithandazweni lo mama kwakunye nosapho lakwaMandela ngeli xesha lobunzima.
Imizimba yamajoni oMzantsi Afrika iza kufika ngoLwesine