Ukwintlekele nembalela umasipala waseBhayi!

UMFANEKISO: Ross Jansen

Ubhengezwe
njengokwimeko yentlekele nembalela
umasipala waseNelson Mandela
Bay
ngenxa
yokunqongophala kwamanzi nokudilika komnye wemisele yamanzi kule veki.  

Kwintlanganiso
noonondaba kwiholo yesixeko iCity Hall namhlanje, usodolophu walo masipala
uAthol Trollip, uthe lo mmandla ujamelene nemiceli-mngeni emandla yokungabikho
kwamanzi aneleyo.

Uthethe
esithi ukusetyenziswa kwamanzi ngokubaxa ngomnye woonobangela wokuphela kwawo
esithi nokudilika komsele othululela amanzi kwidama iNooitgedacht unegalelo
koku.

“Imeko
yethu imaxongo kwaye akukho kuqiniseka ukuba iyakulunga xa kuphi na kuba
nemvula ayini, sicebisa ukuba abahlali bakhawulelane nale meko ngokonga lo
mthamo ukhoyo, babeke amabhakethi okukhongozela amanzi xa behlamba kwishawari.”
utshilo usodolophu.

UTrollip
uthe umasipala wakhe uthenge amawaka amahlanu amatanki eJojo, esithi okwangoku
baza kuwanikezela kwezona lokishi zichaphazelekayo nezikufutshane nalapho kudilike
umsele, esithi basalinde kurhulumente ngesixa-mali esiyi R1.5 yee bhiliyoni
ezakunceda kweminye imigushuzo yokunceda abahlali.

Okhokela
isebe lobunjineli kulo masipala uAnnette Lovemore, uthe isebe lakhe lisaqhuba
ngokutyelela imizi esebenzisa amanzi ngokuwaxhaphaza, ecebisa ukuba basebenzise
malunga neshumi leelitha ngenyanga.

“Imiqathango
yokusetyenziswa kwamanzi ayipheleli kubahlali nje kuphela, kodwa noonokhontrakhi
bayabandakanyeka, sibacela ukuba baqinisekise ukuba amanzi abawasebenzisayo abe
ngamanzi aphuma kwinkampani iFishwater Flats esebenza ngokujika amanzi amdaka
alungelwe ukusetyenziswa.”

ULovemore
uthe abantu nemibutho ehlelelekileyo ingenza isicelo kumasipala
sokungabandakanywa kule miqathango.

“Amanzi
likamva lethu. Masiqinisekise ukuba siwagcinela ingomso, okwangoku sinomthamo
we-38 weepesenti nto leyo esibangela ukuba sibephantsi kwentlekele,” utshilo.