Nangona kudala eqhuba neshishini lokuthengisa iimpahla zefashoni kwiivenkile ezikwi-intanethi, kule nyanga uThembakazi Sikhundla uvule ivenkile entsha kraca yeempahla eBerea eMonti.
ILa Tesh Elegance Boutique lishishini likaLa Tesh osele ezenzele igama kwezefashoni, kwezolimo kwanakwezokhenketho.
USikhundla, 32, yinzalelwane yakuCentane eMpuma Koloni. Unesidanga kwezolimo awasenza kwiYunivesithi yaseFort Hare.
ULa Tesh uthi emva kwezityholo nezenyeliso ezenzekayo kuye emva kokuphumelela kwakhe uMiss Amathole Heritage 2015, waziva lingcolisekile igama lakhe nangona nje wayengachaphazeleki kwezo zityholo, nekulapho wagqiba ekuqaliseni ukuza nento entsha eya kuthi icoce igama lakhe kwaye imphakamise.
“Zange ndonwabe emva kwempumelelo yam kuba xa ndidibana nabantu babengancomi le yempumelelo, koko babendibuza ngeemali ezibiweyo eAmathole.”
ULa Tesh uthi ifashoni yinto ekudala eyithanda.
“Abantu abaninzi babesoloko ke kwangaphambili bendincoma iimpahla endizinxibayo, kulapho ndagqiba ukuba mandizenzele igama ndithengise ukususa eli gama libi ndoyanyaniswa nalo. Ndaqalisa ukuthengisa online, ndaqalisa ukuqhuba nokwenza iminyhadala yokubonisa ngeempahla kwanokuqeqesha oonobuhle,” utshilo uLa Tesh.
Lo somashishini udiza ukuba ngethuba uluntu lukhala ngexesha leCovid-19 yena kwakukhona izinto zimhambela kakuhle kwishishini lakhe online. Uthi owona mngeni wawumnye engasakwazi ukuyokulanda iimpahla kumazwe angaphandle afana naseChina, Turkey kwakunye naseKapa ngenxa yokumiswa kweentshukumo.
ULa Tesh ukhuthaze abantu abatsha esithi ukuze ube uqala ishishini akunyanzelekanga uqokolele imali eninzi, naloo R100 unayo uyakwazi ukuliqala ishishini olifunayo. Uthi okufunekayo sisibindi kuba elakhe leempahla waliqala ngeR1,500 kuphela.
Okunye akucebisa abantu abatsha kukuba bazilibale ukuba bangoobani njengoko wayekwazi ukondlala iimpahla zakhe eWSU ethengisela abantwana besikolo.
ULa Tesh uthi sisibindi, umthandazo, ukuzithemba kwanokuzazi ufunani okumenze wakule ndawo akuyo.
ULa Tesh akafumaneki kwezefashoni kuphela nakwezokhenketho ukhona, kwanakwishishini lokuhlawulisa ngeentente ezilalini.
Ungamtyelela kuFacebook wakhe: LA Tesh FashionGuru .
Ibhale incwadi intwazana yakuTsolo efunda uGrade 10