Ulala etyile ngokwenza izihlangu

UAgnes Sorele ophila ngokwenza/thunga izihlangu zehombo edolophini eMonti.

Inkosikazi yakwaN.U.1 eMdantsane uAgnes Sorele (52) owenza izihlangu zehombo ngeplasitiki ebizwa ngokuba yirhafiya, uthi usokola ungasokoli, ukuba ungumntu ongumama uyakuhlala uyimbokodo.

USorele unetafile yakhe kwisitalato iOxford edolophini eMonti. Kwitafile yakhe ubeke khona ezi zihlangu asele ezigqibile ukuzithunga, kukho neelekese kwakunye neeorenji azithengisayo.

Ayoyakhe yedwa itafile, zininzi nalapho athi uyakwazi ukuphindela eMdantsane kungakhange kuthengwe nelekese ye50c.

“Andifuni kuxoka akukho lula, kutsaleka nzima kulo umsebenzi kodwa ndazixelela ukuba ndinezandla nje nengqondo, andinakuze ndixhomekeke mntwini,” utshilo uSorele.

Le nkosikazi yayikade isebenza kwindawo epheka ukutya eHighway eMdantsane iminyaka, nathi yaye yatshona.

Uthi emva kokuphelelwa kwabo ngumsebenzi zange azisonge ebhedini, waphakama wakhangela imisebenzi nangazange awufumane, waphela eziqalela ishishini lokuzithengisela iilekese endlini.

Ukwenza izihlangu wafundiswa ngumhlobo wakhe uNomtha Blom, nathi elala etyile nje kungenxa yakhe kuba zizo eziye zingenise imali kunelekese.

Le nkosikazi ithi elona xesha linzima leli lasebusika kuba azithengwa ezi zihlangu, zithengwa xa kusehlotyeni.

Uthi sele waqhelana nentlungu yokujika kungakhange kuthengwe imini yonke kwitafile yakhe.

“Olona suku lubanzima nyani nguLwesihlanu ekuthengiseni apha kum, kangangokuba andisabangeni rhoqo.”

Uxelele iphephandaba I’solezwe ukuba into embangela ukuba azokuthengisa eMonti kukuba abantu baninzi kunaseMdantsane.

Uthi ixesha leLockdown basokole kakhulu phezu kokuba besokola bengoonozitendi.

USorele uthatha usuku olunye kuphela xa ekhawulezisa ukwenza ezi izihlangu, kodwa xa engenaodolo yamntu uthatha ixesha lakhe ukuzithunga.

Eminye yemicelimngeni ajongana nayo zizixhobo zokuthunga kuba zikwixabiso eliphezulu.

Uvale ngelithi kubo bathengisi ishumi liyawenza umohluko xa uthathe wathenga.

USorele akasenabo abazali basweleka, nabantwana akanabo, akatshatanga kodwa uhlala neqabane ancuma nalo.