Ulandulele eli utitshala kaMantashe

UMkhuseli Jack, uBurns-Ncamashe, uGwede Mantashe ecaleni kwalowo wayesaya kuba yititshala kaMantashe nongasekhoyo, uMava Geza

Ubawo uMava Geza ngomnye wooxholovane abazibonakalise ngesakhono sokufundisa nalapho achithe iminyaka emininzi kwizikolo zaseMpuma Koloni naseKZN.

Emva kokungcamla kuncuthu mazangwa lwemfundo eyayitsitsa kumbele waseLovedale, ngo1965 wagqiba ibanga leshumi. Uphume apho wangena entsimini efundisa izifundo zembali kunye nezeelwimi ingakumbi kwisikolo samabanga aphakamileyo saseKuyasa.

EKuyasa ebekunye noNjingalwazi Coax Lalendle noRigor Skosana nabanye abaninzi ababezibalule kumsebenzi wabo. ELovedale ebesaziwa ngokugcina inqanaba eliphezulu lokuziphatha kwabanye abafundi ngethuba wayengumkhokeli wabafundi.

Phakathi koosaziwayo abaphuma ezandleni zikabawo uGeza, nguMphathiswa weziMbiwa kweli uGwede Mantashe. Engqina ezi ngxelo, uMantashe uthi ngenene le yenye yeetitshala zakhe.

“Yinyaniso leyo wayendifundisile ubawo uGeza. Kusapho izihlobo nezalamane zakhe sithi kuzo tutwini, akuhlanga lungehliyo. Myekeni aphumle ngoxolo usebenzile,” kutsho uMantashe. UMantashe uthi eli gqala likhulise lafundisa abantu abaninzi kweli leMpuma Koloni.

UEnoch Khumalo usebenze naye ubawo uGeza, uncoma ukuzinikela nokusebenza kwakhe nzima kumsebenzi wakhe.

“Ndidibene naye ngo1964 eLovedale, kamva ndasebenza naye kwiSebe lezeMfundo. Ebezinikele ngeyona ndlela emsebenzini wakhe, ekhuthaza indlela yokuziphatha ekumgangatho ophezulu amaxesha onke,” kutsho uKhumalo.

Uthi ebekho ukusungulwa kwemfundo yabadala ngurhulumente weli emva konyaka ka1994.

“Udlale indima enkulu ukumiselwa kwenkqubo yokufundiswa kwabantu abadala. Ebeyithanda imfundo, ethanda ukusebenza kananjalo,” kutsho uKhumalo.

UGeza ufundise eClarkbury yodumo eNgcobo nakwizikolo zaseKZN.

Ubawo uGeza ukwalijoni likaPoqo (PAC) nanjengoko echithe ixesha elininzi lobomi bakhe kulo mbutho waseAzania. Ugxa wakhe kwiPAC, ubawo uPhathekile Khalipa uthi ngenene ibisisicaka sabantu esi.

“Ebelijoni, isicaka esithembekileyo ebesiwenza kakuhle umsebenzi waso. Ubungekhe uwuthandabuze umsebenzi owenziwe nguye. Ebezinikele ngokupheleleyo kwiPAC,” kutsho uKhalipha.

Uthi uGeza udibene nePAC ngexesha wayengumfundi eLovedale ngeminyaka yo1960, waza wazibonakalisa kwangoko ubunkokheli bakhe.

Umngcwabo wakhe uza kuqhutyelwa eDimbaza ngomhla wamashumi amabini anesithoba kule nyanga.