Ulawulo lwentando yesininzi

Xa ubukela okanye ufunda iindaba ngengxelo yokubanjwa kukarhulumente

ngobhongwana ngoosomashishini abathile, uye uzive njani? Xa imihla nezolo kubhalwa ngeziganeko

zobuqhophololo norhwaphilizo lwemali ngamagosa karhulumente umntu uye azive njani ngezondaba?

Ukuba ziyakucaphukisa ezi zinto uye wenze ntoni ngalo msindo? Utsalela umnxeba amajelo osasazo uvakalise umsindo wakho? Ubhalela amaphepha ugxeke urhulumente?

Ubhale oo “Makagxothwe umongameli weli!” kooFacebook nooTwitter bakho?

Ingaba ezi zenzo ziye zidale utshintsho? Okanye ngemini elandelayo uye ubone ukuba akukho kwa nto etshintshileyo?

Yimibuzo ebekufanele ukuba siyazibuza rhoqo le. Phantsi kwedemokhrasi, okanye masithi ulawulo lwentando yesininzi, bekumele ukuba abo bonyulwe ngabantu bamamela abantu.

Kwaye iimfuno zabantu zifezekiswe.

Kuhle xa sisiva ukuba sineenkqubo zokusondeza abantu kulawulo lwephondo ngeenzame ezifana nooMasiphathisane. Ewe, makabe manxadanxada urhulumente.

Kwelethu icala singaphawula ukuba nangona kungxolwa ngengxelo yowayesakuba ngumkhuseli woluntu, uThuli Madonsela, abantu basemakhaya abekho apho ncam. Ezilalini kukhalwa ngentswelangqesha, ngembalela, izidlwengu eziphethe amanina nabantwana kakubi kunye nobundlobongela obungathethekiyo.

Siyabhala ngezi zinto. Kwaye singacebisa sithi kwicala likarhulumente makuqiniswe iinkonzo zamapolisa ezilalini. Nesebe lezemfundo liqinise isihlahla kula macala. Sibonile na pha kuKomani kuvuselelwa iKomani Industrial Park ekuqikelelwa ukuba iqeshe abantu abangama-40 000 kula macala. Sisiqalo esihle esi.

Makuqhutywe, kufezekiswe iminqweno yentando yesininzi kuqala. Singaxingi kwiingxoxo-mpikiswano ezikude kunabantu bakuthi nezisimfamekisa kwiingxaki eziphambi kwethu. Ukuba sifuna ukuxoxa ingxelo kaMadonsela kufuneka sikwazi ukudibanisa izenzo zabantu abakula ngxelo kunye nendlala yabantu bakuthi.

Masizingene njalo ezi ngxelo ukuze wonke ubani athathe inxaxheba, azivakalise.