Ulawulo olugwenxa koomasipala abakhulu baseMpuma Koloni

OOMASIPALA abambaxa (metro) ababini beMpuma Koloni bayinxalenye yoomasipala beli lizwe abasohlulekayo ukulawula inkcithomali engafanelekanga.

Ziibhiliyoni zeerandi imali echithwa ngoomasipala ngokungafanelekanga. Le mali iquka imali esetyenziswe ngokungagunyaziswanga, kwakunye nelahleko kwinkcithomali engabonakalisi nzuzo.

Oku kuvele kwingxelo yomphicothi zincwadi jikelele uKimi Makwetu. UMakwetu udize ukuba ngamakhulu amabini anamashumi amane oomasipala kweloMzantsi Afrika abafunyenwe benenkcithomali engagunyaziswanga kunyakamali ka2014/15.

Uninzi lwabo bakweli phondo, eLimpopo, eMntla Ntsona, naseMpumalanga. Yimali ebalelwa ku479 yezigidi zeerandi echithwe ngumasipala ombaxa iBuffalo City kwizihlandlo eziyi359.

Inkcitho yalo masipala inyuke ngokuphindaphindeneyo xa kuthelekiswa neyonyaka ka2013/14, nalapho inkcitho engagunyaziswanga yayenzeke izihlandlo ezingamashumi asixhenxe anesixhenxe.

Kumasipala ombaxa iNelson Mandela Bay ibalelwa kwisigidi, esinamakhulu amawaka (R1 348 million) inkcitho engagunyaziswanga, izihlandlo eziyi-142.

Ingxelo yomphicothi zincwadi idize ukuba le nkcitho idalwe kukungalandeli mithetho elawula intengo yezinto ezidingwa ngoomasipala.

Umasipala waseBhayi ufunyaniswe ungayilandeli ngokupheleleyo inkqubo esetyenziswa ngoomasipala ekuthengeni izinto eziziimfuno zikamasipala.

Ingxelo kaMakwetu ikwafumanise i423 yezigidi zerandi (R423 million) ichithwe izihlandlo ezilishumi, kodwa ingabonakali eyona nto iyenzileyo.

Nangona eyincoma iMpuma Koloni ngokuphucuka kule minyakla mihlanu uMakwetu uthe usaxhalabile ngolawulo olubuthathaka koomasipala beli phondo.

Ugxeke iinkokeli zoomasipala ngolawulo.