Ulawulo olungenabuqhophololo ngundoqo kugayo nkxaso lweDA

BEKULUHLAZA kwibala lemidlalo iRand Stadium eGoli. Eli bala belisingathe iDA apho ibisungula umqulu wezithembiso zonyulo loorhulumente boomasipala lalo nyaka.

Lo msitho ulandela oweANC okumila kunje obubanjelwe kwibala laseNelson Mandela Bay kwiveki ephelileyo.

IDA iya kolu nyulo igacele oomasipala abambaxa abafana nowaseBhayi, eGoli, eTshwane nase-Ekurhuleni.

Lo mbutho ufuna ukuphinda ubethelelele ulawulo lwawo kumasipala waseKapa. Abagqatswa abazakuba ngoosodolophu xa lo mbutho uphumelela kwaba masipala baphose amazwi ngabathembisa ukukwenza xa bethe bonyulwa.

UAthol Trollip ongumgqatswa kasodolophu kumasipala waseBhayi uthe “Injongo yethu kukuphumelela ngesininzi ukuze sikwazi ukuphumeza imigaqonkqubo yeDA,”

UTrollip uthe, iANC yohlulakele kukulwa nobuqhophololo. “Ngamawakawaka abantu ekungafanele ukuba basebenzela urhulumente, ababekwe kwizikhundla zikarhulumente yiANC,” utshilo uTrollip.

Kwiveki epheleleyo ugxeke usodolophu waseBhayi uDanny Jordaan ngelithi akabuthathelanga ngqalelo ubuqhophololo, emva kweengxelo ezithi okaJordaan uzakuqesha uLinda Mti njengentloko yokhuselo nokhuseleko kulo masipala.

Ibutho leSIU lamtyabeka izityholo zobuqhophololo okaMti ngethuba wayekwisebe lamabanjwa neentolongo. Ayilali buhlayo iANC kwiinzame zokuzama ukuthintela ukuphulukana neBhayi.

Ukubekwa kukaJordaan njengosodolophu sekwenze omkhulu umahluko ekubuyiseleni ithemba kubemi baseBhayi ngolawulo olululo, kodwa uTrollip umi ngelithi sekonakele, iBhayi alisokuze liphinde lifane nakuqala.

Ukanti impixano eqhubeka kwiANC eNtshona Koloni inika iDA ithuba elilula lokuzibethelela zitshone kumasipala waseKapa.

Umgqatswa kasodolophu walo mbutho eGoli uHerman Mashaba khange abekho kulo msitho kulandela iingxelo ezithi ushiywe yinqwelomoya xa ebekumazwe aphesheya.

Kwikhasi lonxibelelwano likaTwitter, umashaba uthe utyelela ezinye izixeko ehlabathini ngenjongo yokuphucula ulawulo lwakhe kumasipala waseGoli.

Kunyulo loo masipala lika2011 iANC yayiphumelele ngo58 pesente, iDA yazuza u34 pesente. Kodwa kunyulo likazwelonke ngo2014 iANC ibizuze ngaphantsi ko50 pesente eGoli, eTshwane, naseBhayi.

Nomgqatswa waseTshwane uSolly Msimanga uthi, uqinisekile ngamathuba eDA kulo masipala, kulandela iziphumo ebezingekho ntle zeANC kule ngingqi.

Nangona umasipala Ekurhuleni ubufudula ungekho kuluhlu loomasipala abazingelwa yiDA, kodwa ukutyunjwa kuka Ghaleb Cachalia oneengcambu kwiANC kwenza lo mbutho ubenethemba lokuba oko kungakhokelela kuninzi labalandeli.

Inkokeli yalo mbutho uMmusi Maimane uthe, “Xa sithatha ulawulo eGoli naseBhayi asizukwenza oko ngembumbulu, sizokwenza ngeevoti zotshintsho.”

johnnie.isaac@inl.co.za