Ulele ebaliwe ona50 ngokudlwengula ona21

IGWETYWE iminyaka engama20 iqamele ngenqindi emjiva indoda enama50 eminyaka ubudala efunyenwe inetyala lokudlwengula yiNkundla yeNgqingqi yaseGcuwa.

NgeyeThupha ngo2021, ixhoba elinama21 eminyaka ubudala lathathwa ngetshova ekhayeni lalo elikwilali iTimane ngamadoda angaziwayo laze ladlwengulwa.

“Ityala lokudlwengula lavulwa laze idokethi lagqithiselwa kuMcuphi uWarrant Officer Siyabulela Yeyani ongazange alale iiyure ezininzi, esebenza nzima ezama ukukhangela abarhanelwa. Umrhanelwa wade wabanjwa kwaye yakhatywa ibheyile,” kutsho uKapteni Namhla Mdleleni wamaPolisa.

“NgoMvulo umhla wesithandathu kweyoMdumba 2023, umrhanelwa onguTabo Mdayi uye wagwetywa iminyaka engama20 ngetyala lokudlwengula, ” kutsho uMdleleni.

UMkomishinala weSithili seAmathole, uMajor General Ngangema Xakavu uncome igosa beliphanda eli tyala, esithi uyabuqonda ubunzima ahlangabezene nabo kwanemingeni aye wajamelana nayo ngethuba esenza uphando. Ukwatyibele iqela lotshutshiso elisebenzisene nexhoba kwanomcuphi.