Ulele ngandletyananye esibhedlele oligqla lePAC

 

Ulele ngandletyananye kwisibhedlele sabucala eMonti oligqala lePAC uBhishophu Waters Toboti emva kokuhlaselwa yingulo engachazwanga. 


UToboti ngomnye woompondo-zihlanjiwe abasaphilayo balo mbutho kaPoqo nothe wachitha ixesha elininzi lobomi bakhe esebenzela iPAC. 

Uncance ubunzulu bePan Africanism kumagqala walo mbutho afana noRobert Mangaliso Sobukhwe, ooPhilip Kgosana nabanye. 


Ethetha neli phephandaba ngendima yakhe kwiPAC wathi. “Ndisebenze ukuqokelela amajoni apha eMzantsi Afrika ndiwakhupha ngaphandle ukuba aye kuqeqeshwa yiPLA  eTanzania, Uganda nakwezinye iindawo zehlabathi, ndikwasebenze njengegosa lonxibelelwano kwihlabathi egameni lePAC,” watsho uToboti.

 

Ethetha noonondaba eGwatyu eCofimvaba,  ngethuba kuqhutywa umngcwabo kaClarence Makwetu,  uToboti wayeyenye yeenkokheli zePAC ezazithandazela umanyano kulo mbutho wakudala.


 “Kungakuhle ukuba sonke singavuma ukuba ingxaki ikhona kwiPAC, sakugqiba sinike amalungu ePAC ithuba lokuba asombulule iingxaki zawo, sisebenzise eli thuba lokubhubha kukaMakwetu simanyanise iPAC,” watsho uToboti. 


Olilungu nomthandi wombutho wePAC uMzwanele Nyontso, unqwenelele eli gqala impilo ekhawulezileyo. 


“UThixo waseAzania makasincede amphilise utata uToboti, simfuna ngamandla kula maxesha okuzama ukulungisa umbutho wePAC, amava akhe afuneka ngamandla embuthweni,” uthethe watsho uNyontso.

 

UToboti ujikeleze kumazwe ehlabathi esakha amasebe ombutho wePAC ukusukela ngonyaka ka1960, nathe ngenxa yoko wachitha ixesha elide ngaphandle koMzantsi Afrika. Ubuyele kweli ngeminyaka yoo1990 kwixesha elandulela inkululeko yelizwe loMzantsi Afrika, usebenze nomongameli bePAC abaquka uZeph Mothopeng noClarence Makwetu.