Ulihlwili ngenxa yonyana wakhe

NGOMVULO wale veki, uNosolomzi Mtebhele waseSihlabeni eNgqamakhwe uvuke wenza isidlo sakusasa emva koko wathabatha uhambo oluya kwilali ekufuphi ebizwa ngokuba kukuMtebhele.

Ukubuya kwakhe kuMtebhele, uNosolomzi ubuye wahlamba impahla zakhe, wenza nokunye ekhayeni lakhe.

Esenza zonke nje ezi zinto, uNosolomzi ulihlwili ngaphakathi kuba unyana wakhe uMesuli Mtebhele waduka ngosuku lweNyibidyala yango-2012 ngethuba yena nomhlobo wakhe uAthi Cekiso babeyokuqokelela iigusha kufuphi nehlathi lakuKhothana eNgqamakhwe.

UMesuli wayeneminyaka elishumi ngelo xesha.

Iingxelo zithi la makhwenkwe athi esaqokelela iigusha ezi, kwathi gqi ndoda ithile yawaleqa. Ngelishwa uMesuli akazange abenamendu agqithisileyo kuba wabanjwa yile ndoda kwaye ukuza kuthi ga ngoku akukaziwa ukuba kwenzeka ntoni kuye.

Kukrokrelwa ukuba uMesuli wabalixhoba lomkhwa wokuthathwa kwamalungu omzimba wabantu ayokuthengiselwa amaxhwele ukwenza amayeza.

Amapolisa azama ukumkhangela uMesuli, kangangokuba iingcali zamapolisa aseBhayi ayezile eNgqamakhwe ukuza kukhangela le nkwenkwe kodwa nkqi umkhondo.

Amapolisa akhe abamba ndoda ithile malunga noku, kodwa yaphinda yakhululwa kuba kungekho bungqina obuyayamanisa nokuduka kukaMesuli.

Ethetha nephephandaba I’solezwe ngoMvulo womhla weshumi elinesixhenxe kule yeDwarha, usuku lwehlabathi lokuqwalasela abo badandathekileyo (World Trauma Day), uNosolomzi uthe: “Into ezakulandela kukuba kubhubhe mna ngoku, kuba ayindiphathi kakuhle into yokuba ndingazi nokuba kwenzeka ntoni kumntwana wam.”

“Enye into ephinda indenze ndikhathazeke kakhulu yile yokuba ingalo yomthetho yandiphoxa. Bendicinga ukuba ndakufumana iimpendulo kwingalo yomthetho kodwa akukhange kubenjalo,” utsho uNosolomzi.

UNosolomzi uthi maninzi amanyathelo awazamileyo ukuzama ukufumana impendulo ngokuduka kukaMesuli.

“Ndiyile kubantu abamhlophe kodwa ngaphandle kwempumelelo – abanye bathi wabhubha abanye bathi uyaphila kodwa kunganzima ukumfumana kuba uphehlwa ngamayeza esiNtu,” utshilo uNosolomzi.

Into ayifunayo inye: ukwazi ukuba kwenzeka ntoni kuMesuli.