Ulimo luzakugweba indlala eMtsila kwaBhaca

Abahlali bakuWadi 10 bekunye neenkokheli zomasipala wesithili saseAlfred Nzo kumasimi aseMtsila kwaBhaca ngoMvulo. Umfanekiso: NguMbhali Wethu

Zamkelwe ngezandla ezishushu izixhobo zolimo ezizakunceda abalimi basekuhlaleni kwilali yaseMtsila kwaBhaca.

Bekuyimibhiyozo nowelewele ngexesha iinkokheli zomasipala wesithili saseAlfred Nzo beziye kuphehlelela ngokusesikweni iiprojekithi ezintathu kwaWadi 10, 12 no13.

KwaWadi 10, le projekithi yolimo ivelise imisebenzi eyi32 kumasimi akwa ngawabemi belali. 

UNathi Nqoko ojongene nezolimo phantsi komasipala iAlfred Nzo uyichaze le projekithi njengexabise izigidi ezingama R1.4  nejolise ekubuyiseleni abantu embo, kusetyenziso mhlaba ukuphucula impilo zoluntu. 

“Siyazi ukuba lo ngumhlaba ochumileyo ozokubanemveliso entle enokuthengiseka. Sikulungele ukuqobisana notshintsho lwe moyezulu nezixhobo zokubancedisa zikhona,” utshilo uNqoko.

Usihlalo webhunga lolimo kule lali uDavid Nqakwana uthe: “ndichulumance kakhulu namhlanje, ingathi igwetyiwe indlala kuthi. Sizakulima umbona siwuthengise ze sakuvuna sikime izityalo zeloxesha nazo sizithengise sondle neentsapho zethu.”

KwaWadi 12 nakwa13 banikwe izixhobo zamanzi ezixabisa iR114.4 yezigidi zerandi nezakuxhamla kuyo amawaka abemi. 

Zikwavelise imisebenzi nophuhliso lwezakhono kulutsha lale ngingqi.

Abahlali bathe banethemba lokuba eziprojekthi zizoyiphelisa intlungu yokusokola amanzi bekhuphisana nezilwanyana emithonjeni. 

Uceba wakwaWadi 12 uVuyo Lugongolo uthe unqongophalo lwamanzi ngowona mceli mngeni kula ngingqi kuba iitephu zoma ngexa yembalela kwaye zazihleli zisohluleka kukuhambisa amanzi kwilali zonke. 

Uthe ukugqitywa kwesigaba sokuqala kulithemba elikhulu lokuba nesesibini sizakibayi mpumelelo.

Isigaba sesibini kulindeleke siqale kunyaka mali ozayo kwaye sigqitywe kwisithuba seenyanga ezintandathu. 

Intloko yezinto eziziseko kwakulo masipala uUPolelo Mohale uthe lonyaka ozayo uzakuphela abahlali benamanzi acocekileyo kwiindawo ezizakuxhamla.