ULinda Gqomfa umakhwekhwetha kwezosasazo

Linda Gqomfa

Xa sithetha ngoNkosk. Linda Gqomfa siza kuqale sinike elithi, uDe Wet, H.C., kupapasho olukhethekileyo oluthi, “Focus On Radio Bantu,” olwapapashwa ngowe1976 uthi ezona njongo ezaziphambili zokunikela ngenkonzo yosasazo kwabaNtsundu yayizezi zilandelayo: “Ukudlulisa ulwazi, ukufundisa nokonwabisa abaNtsundu; ukuxhasa uphuhliso lwendawo ezihlala abaNtsundu; ukukhuthaza umoya nomdla wokuncedana kwabaNtsundu kwindawo zabo; ukuhambisa iLizwi likaThixo; ukudala ukuzingca ngezinto ezintle nezibukelekayo kwimbali, kumasiko nezithethe; ukuzibonakalisa kwabaNtsundu ngokubuyisela okuhle kwizizwe zabo; ukuzisa izinto ezintle zezithethe zaseNtshona eziyakubonwabisa abanye abaNtsundu; ukudala ubudlelwane obuhle noxolo elizweni; ukunika ithuba abaqambi, ababhali namanye amagcisa lokubonisa ngeziphiwo zabo; ukugcina abaNtsundu benolwazi ngeziphiwo abanazo; ukugcina abaNtsundu benolwazi ngokuqhubeka elizweni naphesheya, ukuze basoloko becacelwe. Njengoko ingumsebenzi weenkonzo zeSABC, ingumnxibelelanisi ngamaxesha ezidubedube incedisa nasekugcinweni komthetho nocwangco. Incwadana esihloko sithi ‘Radio Bantu in King William’s Town,’ esayifumana eAmathole Museum, eQonce, yabonisa indima eyenziwa ziinkqubo zeRadio Bantu entlalweni, ngokucaphula kwiileta eza zibhalwa ngabaphulaphuli: “Sonke bazali siyalila xa simamele umdlalo onomdla othi ‘Umthathi Uzala Umlotha’. Uqulathe umyalezo onemfundiso eyakhayo kubantu bonke.

“Wabhala watsho umphulaphuli wesiXhosa engqina ukuduma kwemidlalo kanomathotholo ebantwini.” “Inkonzo yosasazo yesiXhosa ayiphuculi iphinde ifundise kuphela, koko iqinisekisa ukuba uxolo luyenzeka”, ubhala utsho umphulaphuli: “Ukuba umfazi wakho uyacaphuka, vula unomathotholo weFM uza kumbona ekuncumela”

Eli gama lithi Radio Bantu lathi latshintshwa kwathiwa yiRadio Xhosa kuba abaNtsundu babelithiyile eli gama kuba kusithiwa liyacalula. Igama elithi Radio Xhosa nalo labonwa licalula ngakumbi kuba, kubantu abantetho isiXhosa kuqukwa iintlanga ngeentlanga. Kukho amaBhaca, amaMpondo, amaMpondomise, abaThembu, amaMfengu, amaQwathi namaXesibe. Lajikwa nalo eli gama kwathiwa Umhlobo Wenene FM. UNkosk. Linda Gqomfa wazalelwa eQonce eyintombi yakwaMsikinya, uMaTshabalala isiduko, nangona uninzi lwabantu lumayamanisa nesiduko sakwaRhadebe abanefani enguMsikinya nabo. Xa besisenza udliwanondlebe naye eseRhawutini uchaze wathi ngemvelaphi yakhe, “Umama wayenguNomlungwazana, elinye igama lakhe inguMkayiki, eyintombi yakwaMaseti, elasemzini inguNonayisi (No ‘nice’), elalini ebizwa ngesiduko esithi Maleta. abantwana bakamama nguVuyiswa, uNombulelo, uNomalizo, uLinda (mna), uTimothy obizwana nangokuba nguTimana. Basweleka abanye kusele mna noTimana. Abazukulwana bakama nguTerrence Danisile Ngxongwa owayedlala indawo kaBantu Zathu kumdlalo othi ‘Unyana Womntu’ obhalwe nguProf Ncedile Saule owawudlalwa kumabonakude weSABC 2. Phofu naye sele wasweleka. “Silithoba Sisonke ekhaya, kodwa mna ndiqabuke sesibahlanu, ndingowesibini ukusuka emsileni. Oza emva kwam ligqibelo uTimothy lo kuthiwa nguTimana.”

UNkosk. Linda Gqomfa amabanga aphantsi wawafunda eZeleni, nalapho abalula enye yetitshala egama linguLeslie Fikile May eyamfaka emkhondweni kwingqeqesho. Izifundo zobutitshalakazi wazifunda eSt Matthews, eMthwaku eQoboqobo. Xa ebezithethela ngamazwi akhe uthe, “Mna ndazalelwa elalini eZeleni eQonce idolophu. Ndafunda kuloKali. Ndayokwenza into apha ekwakuthiwa yiJunior Certificate kwaZwelitsha Secondary School, ndagqithela eMthwaku, eSt Matthews College. Ndaba ngutitshalakazi, ndagqithela eLivingstone ndaba ngumongikazi, kodwa andagqiba, ndabuyela ekufundiseni, Ndithe ndafundisa kwizikolo zakwaZwelitsha, ndafumana nesingxungxo eRadio Xhosa ngo1972, ndisenza inkqubo yabantwana, uQashiqashi. Abantwana ndibathanda kakhulu ndibabiza ngamagama angooNomngqusho, Novesti, Nopilisi, Nogrevi, Makhwisibhanti, njalo njalo.” Phambi kokuba aye kuba ngumsasazi ongesosigxina wayesebenza njengotitshalakazi kwezi zikolo: eSikhobeni School eZeleni, eQonce, eNobantu School eZwelitsha, eNontsapho Lower Primary eZwelitsha. Waqala ukusasaza ngowe1972 ukuzalwa kwezibulo lakhe, intombi egama Lamla neteketiswa ngokuba nguYamyam. Umsebenzi wokusasaza wayewenza emva kokuba ephumile esikolweni. ULinda Gqomfa uthi xa ebalisa ngenkqubo awayezibhexesha elusasazweni: “Ezam iinkqubo zazahlukile kwezikaNokhaya Mfamana. Ndandisenza ‘Uqashiqashi’ eyabantwana inkqubo, ‘Izicelo Zenqwanqwa Eliphezulu,’ neyamakhosikazi ethi, ‘Sazana Ngolu Hlobo’. Ezamakhosikazi ezinye ndandizenza ndizipakanyela noBarbara Tsotsobe, ‘uSisi B,’. “Abaphulaphuli ababexhasa ngokubhala izicelo ndikhumbula ooHlehle Tyumza, ooNomakhaya Gquma, nabanye wethu. Apho umntu wayesithi xa efake abantu abaninzi kwimibuliso, ‘SORRY NGE-REPUBLIC’.

“Ndabhala amabali amade aneziqendu ngeziqendu. Endawabhalayo yaba yindumasiso ethi, “Andifanelekanga na mna mama,’ (Iziqendu zazingama65, ukuba andiphazami), nelinye elithi, “Ubomi asindlwan’iyanetha,” nalapho iziqendu zingama65.” UNkosk. Linda Gqomfa uvakalise lo mnqweno, “Ndinqwenala ukuba ndithi ndingekasweleki ndiwaguqulele kwiTV kodwa ndisuka ndityhafe ndizeye, ukuzeya kukuzicuntsa ngelinye igama, ndigqibele sendiyeka nokuba besendiqalisile.

“Ndiyathemba uza kundikhuthaza ekubhaleni noba yincwadi enye nje yabantwana, ukuba andidanga ndaphumelela ekubhaleni amabali lawa eradiyo, ndiwenze aweTV. Ukumka kwakhe eRadio Xhosa waya kusebenza kwiCandelo lezeebantwana namakhosikazi kwaSABC-TV ngowe1982 wemka ngowe1984 wayokufundisa.

Wabuyela kwiCandelo leendaba ngowe1988 esasaza iindaba zesiXhosa kwiCandelo leeLwimi lakwaTV 2. UNkosk. Linda Gqomfa ubalisa enjenje,

“Ndasuka ebutitshaleni nakwaRadio ndangena kwiTV eRhawutini, ndaba ngumvelisi (producer) weenkqubo zabantwana namakhosikazi. Ndaphinda ndabuyela ekufundiseni eSoweto. Ndaphinda ndashiya ndabuyela eSABC-TV News ndingumqokeleli zindaba, ndingumbhali, ndiphinde ndibe ngumfundi weendaba. Ndihleli ixesha elide apho, ngo2002 ndajoyina amapolisa, phofu ndingaleqi zikrelemnqa mna, ndiyintloko ye ‘component’ ebisiwa phantsi kweSebe lamaPolisa ebizwa, ‘Visible Policing,’ ukubonakala kwamapolisa phakathi koluntu.

“Ke mna bendikwa ‘Social Crime Prevention,’ ndiwuthanda kakhulu lo msebenzi wokuthintela ulwaphulo mthetho olujoliswe ebantwaneni nabasetyhini, nakwiinkonde neenkondekazi, nakwabo bakhubazekileyo, nabaneziphako ezibangela baxhatshazwe, oomakhulu, nangona bengazidalanga. Umzekelo aba kuthiwa ziinkawu, bebizwa ngelo gama libi. “Ndithathe umhlalaphantsi ngo2012 ndisawuthanda loo msebenzi. Ndizigcine ndixakekile ngabantwana. Ndinenkampani ebhalisiweyo ebizwa Yonda Yonda Against Crime Crusaders apho ndiqeqesha ulutsha kwezentlalo jikelele nasemculweni. Ndilufundisa amabali eRadiyo nemibongo.” “Emapoliseni ndasebenzisa amava okusasaza ndazama ukuvela kwinkqubo eMhlobo Wenene FM apho ndandifundisa abantwana ngolwaphulo-mthetho nendlela yokubalumkisa bangazibhaqi bezizisulu namaxhoba ezigebenga. Le nkqubo yayibavulela abantwana ukuba bavelise izimvo zabo bachaze neengxaki zabo.

“Ndasebenzisa ithuba lobupolisa ndityelela eGoli indawo zasematyotyombeni ekuthiwa yiEast Rand Squatter Camp apho ulwaphulo mthetho lokuxhatshazwa kwabantwana lwaluvame kakhulu. Ndacela abazali bale ndawo bandivumele ndinike abantwana ithuba lokuxoxa emoyeni ngemibandela yokufundisa ngolwaphulo-mthetho.”

Xa ebephawula ngomtshato wakhe wenjenje, “Ifani yasekhaya nguMsikinya, eyasemzini nguGqomfa kodwa ndisayigcinile le kaGqomfa, nangona lo ndlwane kaNomyayi, yayakhiwe ngo1971, yachitheka ngo1982. Umyeni wam yayinguMnu. Lizo Gqomfa owayesakuba nguMphathi-weNkqubo eMhlobo Wenene eBhayi, usaphila. Sisafowunelana sithethe kuba abantwana ngabethu sobabini sidibene ngabo.

“Ubaxelele uba ndithe andizuyicacisa. Elam lokugqibela lithi, sibaninzi gqitha abangamajoni abuya emfazweni idabi bengalingibanga.

“Abantwana bame ngolu hlobo: nguLamla yintombazana, walekelwa nguLazola yindoda. Umzukulwana ngumntwana wentombi, mnye qwaba, nguOyama uyintombazana. Aze uOyama abe nobhabha oyinkwenkwe ogama linguYanga-iNkosi-ingayiva-imithandazo-yethu.

“Lo oyindoda akanamntwana yena. Abazukulwana bam bebonke xa ndidibanisa aboodade wethu abangasekhoyo balishumi elinesithandathu.”

UNkosk. Linda Gqomfa isiduko sakhe nguMaTshabalala, abantu ababongwa benjiwe nje: Tshabalala, Mavuso, Mhlungu, Mntshengu, Tyani, Ngwane, Mswazi,Siwalala, Vuso ladl’umntwana esesizalweni, Osezelwe uya kusinda ngokuzibalekela, Amabandla kaNgwan’ akoNgwadi, Amaseng’ asilele, Abanduku zinobulongwe, Abambokotho zingatyi tyeni, Ngoba bephothulangezandla, Izigidizidana ezawela eLundini, OoManga amakhulu, Abathi iindonga zidilikile kanti umhlaba usahleli, Mhlanga-mvula, Lubetshe, Izinto ezehla entabeni zizel’ imikhupha ngaphakathi, Abantu abawel’ umlambo ngentambo yesigcawu, Silwa ngomnyama kazi kosa nini? Gijimani ngazo zonke indlela, Niyobikela uMshengu eMashobeni, Nithi uSobhuza wonakele, Akalazi iZulu, Wazi iLanga eliphezulu elibalele lashisa amazimba, Yindlovu edl’inye indlovu, Indlela eya kwaGasa ilukhanduvana, Ndihambe ngayo ngokuswela indlela Inkosi efungwa ngabedlulayo, Bathi: “Ngwane asisayi kubuya kuba kakade uyabulala! Into eyacholwa kumlambo ogqumayo uMfolozi.